-
-
Xhosa
-
-
11
|1 Reyes 20:11|
Waphendula ukumkani wakwaSirayeli, wathi, Yithini, Makangaqhayisi osabhinqa ikrele, njengoselelikhulula.
-
12
|1 Reyes 20:12|
Kwathi, akuliva elo zwi uBhen-hadade, akubonÂ’ ukuba uyasela, yena nokumkani abo eminqubeni, wathi kubakhonzi bakhe, Yakhani uluhlu. Balwakha ke uluhlu kuloo mzi.
-
13
|1 Reyes 20:13|
Kwabonakala mprofeti uthile, wafika kuAhabhi ukumkani wakwaSirayeli, wathi, Utsho uYehova ukuthi, Uyibonile na yonke le ngxokolo ingakanana? Yabona ndiyinikele esandleni sakho namhla; wazi ukuba ndinguYehova.
-
14
|1 Reyes 20:14|
Wathi ke uAhabhi, Ngabani na? Wathi yena, Utsho uYehova ukuthi, Ngamadodana abathetheli bamazwe. Wathi, Ngubani na oya kuqala ukulwa? Wathi, Nguwe lo.
-
15
|1 Reyes 20:15|
Wawabala ke amadodana abathetheli bamazwe, aba ngamakhulu amabini anamanci mathathu anamabini; emva kwawo wababala bonke abantu; bonke oonyana bakaSirayeli baba ngamawaka asixhenxe.
-
16
|1 Reyes 20:16|
Baphuma emini enkulu. Ke kaloku uBhen-hadade ubesela, enxila eminqubeni, yena nookumkani abamashumi mathathu anababini, ookumkani abo bamncedisayo.
-
17
|1 Reyes 20:17|
Aphuma kuqala amadodana abathetheli bamazwe. Wathumela uBhen-hadade, bamxelela, besithi, Kuphume amadoda kwaSamari.
-
18
|1 Reyes 20:18|
Wathi, Nokuba aphumele uxolo, wabambeni ehleli; nokuba aphumele ukulwa, wabambeni ehleli.
-
19
|1 Reyes 20:19|
Aphuma ke la madodana abathetheli bamazwe kuwo umzi, nempi ebiwalandela.
-
20
|1 Reyes 20:20|
Yaba ngulowo wabulala umntu; asaba ke ama-Aram; amaSirayeli awasukela. Wasinda uBhen-hadade ukumkani wakwa-Aram ngehashe, enabamahashe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7