-
-
Xhosa
-
-
21
|1 Reyes 20:21|
Waphuma ukumkani wakwaSirayeli, wawaxabela amahashe neenqwelo zokulwa; waxabela phakathi kwama-Aram ngoxabelo olukhulu.
-
22
|1 Reyes 20:22|
Wafika umprofeti lowa kukumkani wakwaSirayeli, wathi kuye, Hamba uye kuzomeleza, ukuqonde ukubone okwenzayo; ngokuba ukuvela komnyaka, ukumkani wakwa-Aram uya kunyuka alwe nawe.
-
23
|1 Reyes 20:23|
Ke kaloku abakhonzi bokumkani bakwa-Aram bathi kuye, Ngoothixo basezintabeni oothixo babo, kuko le nto bomeleleyo kunathi; masilwe nabo ke emathafeni, ukuba asisayi komelela na kunabo.
-
24
|1 Reyes 20:24|
Yenza le nto: bashenxise ookumkani aba, elowo endaweni yakhe, umise amabamba ezikhundleni zabo;
-
25
|1 Reyes 20:25|
uzibalele impi engangempi le iwileyo kuwe, amahashe abe ngangaloo mahashe, iinqwelo zokulwa zibe ngangezo nqwelo zokulwa, silwe nabo ke emathafeni, ukuba asisayi komelela na kunabo. Waliphulaphula izwi labo, wenjenjalo.
-
26
|1 Reyes 20:26|
Kwathi, ekuveleni komnyaka, wawabala uBhen-hadade ama-Aram, wenyuka waya kulwa namaSirayeli eAfeki.
-
27
|1 Reyes 20:27|
Babalwa oonyana bakaSirayeli, baxhotyiswa baya kubahlangabeza. Bamisa oonyana bakaSirayeli phambi kwabo, benjengemihlanjana emibini yeebhokhwe; ama-Aram alizalisa ilizwe.
-
28
|1 Reyes 20:28|
Wafika umfo wakwaThixo, wathi kukumkani wamaSirayeli, Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba ethe ama-Aram, Nguthixo wasezintabeni uYehova, akanguthixo wasezintilini, ndiya kuyinikela esandleni sakho yonke le ngxokolo ingaka, nazi ukuba ndinguYehova.
-
29
|1 Reyes 20:29|
Yamisa ke, ikhangelene, imihla esixhenxe. Kwathi ngomhla wesixhenxe, yadibana. Oonyana bakaSirayeli babulala kuma-Aram ikhulu lamawaka kumqikela ngamini-nye.
-
30
|1 Reyes 20:30|
Aseleyo asabela eAfeki, ela phakathi komzi. Kwawa udonga phezu kwamawaka angamashumi amabini anamawaka asixhenxe amadoda aseleyo. Wasaba uBhen-hadade, wangena kuloo mzi, wathungela amagumbi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21