-
-
Xhosa
-
-
11
|1 Reyes 8:11|
Ababingeleli ababa nakuma balungiselele ngenxa yelifu; ngokuba ubuqaqawuli bukaYehova bayizalisa indlu kaYehova.
-
12
|1 Reyes 8:12|
Waza wathi uSolomon, UYehova wathi, uya kuhlala esithokothokweni.
-
13
|1 Reyes 8:13|
Ukukwakhela, ndikwakhele indlu, ukuba ibe yeyokuhlala wena, indawo yokuhlala wena ngonaphakade.
-
14
|1 Reyes 8:14|
Wee guququ ukumkani walisikelela lonke ibandla lakwaSirayeli (laye ke limi lonke ibandla lakwaSirayeli).
-
15
|1 Reyes 8:15|
Wathi yena, Makabongwe uYehova, uThixo kaSirayeli, owathetha ngomlomo wakhe kuDavide ubawo, wakuzalisa ngesandla sakhe, esithi,
-
16
|1 Reyes 8:16|
Kususela kwimini yokubakhupha kwam abantu bam amaSirayeli eYiputa, andinyulanga mzi ezizweni zonke zakwaSirayeli wokwakha indlu, yokuba libe khona igama lam; ndanyula uDavide ukuba abe phezu kwabantu bam amaSirayeli.
-
17
|1 Reyes 8:17|
Kwaye kukho entliziyweni kaDavide ubawo ukuthi alakhele indlu igama likaYehova uThixo kaSirayeli.
-
18
|1 Reyes 8:18|
Wathi uYehova kuDavide ubawo, Ngenxa enokuba kwakukho entliziyweni yakho ukuthi ulakhele indlu igama lam, walungisa ngokuthi kubekho oko entliziyweni yakho;
-
19
|1 Reyes 8:19|
noko ke akusayi kuyakha indlu wena: unyana wakho ophuma esinqeni sakho, nguye oya kulakhela indlu igama lam.
-
20
|1 Reyes 8:20|
Ulimisile ke uYehova ilizwi lakhe awalithethayo; ndivelile endaweni kaDavide ubawo, ndahlala etroneni yakwaSirayeli, njengoko wakuthethayo uYehova; ndalakhela indlu igama likaYehova uThixo kaSirayeli.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40