-
-
Xhosa
-
-
51
|1 Reyes 8:51|
Ngokuba ngabantu bakho, nelifa lakho, owabakhuphayo eYiputa ezikweni lesinyiti;
-
52
|1 Reyes 8:52|
ukuba amehlo akho akhangele ekutarhuziseni komkhonzi wakho, nasekutarhuziseni kwabantu bakho amaSirayeli, ukuba ubeve ekukunquleni kwabo konke.
-
53
|1 Reyes 8:53|
Ngokuba wabahlula wena ezizweni zonke zomhlaba, ukuba babe lilifa lakho, njengoko wakuthetha ngoMoses umkhonzi wakho, ekubakhupheni kwakho oobawo eYiputa, Nkosi Yehova.
-
54
|1 Reyes 8:54|
Kwathi xa agqibileyo ukuthandaza uSolomon kuYehova konke oko kuthandaza nokutarhuzisa, wesuka phambi kwesibingelelo sikaYehova ekuguqeni ngamadolo akhe, ezolulele ezulwini izandla zakhe.
-
55
|1 Reyes 8:55|
Wema, walisikelela lonke ibandla lakwaSirayeli ngezwi elikhulu, wathi,
-
56
|1 Reyes 8:56|
Makabongwe uYehova, obanike ukuphumla abantu bakhe amaSirayeli, njengoko konke wakuthethayo; akwaphalala nalinye ilizwi kuwo onke amazwi akhe alungileyo, awawathethayo ngoMoses umkhonzi wakhe.
-
57
|1 Reyes 8:57|
UYehova uThixo wethu makabenathi, njengokuba wayenoobawo bethu; angasishiyi, angasilahli;
-
58
|1 Reyes 8:58|
ukuze ayithobele kuye intliziyo yethu, sihambe ngeendlela zakhe zonke, sigcine imithetho yakhe, nemimiselo yakhe, namasiko akhe, njengoko abebawisele umthetho ngako oobawo.
-
59
|1 Reyes 8:59|
Makathi nala mazwi am, nditarhuzisileyo ngawo phambi koYehova, asondele kuYehova uThixo wethu, imini nobusuku, ukuba amgwebele umkhonzi wakhe, abagwebele abantu bakhe amaSirayeli, into yemini ngemini yayo;
-
60
|1 Reyes 8:60|
ukuze zazi zonke izizwe zomhlaba, ukuba uYehova nguye uThixo, akukho wumbi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40