-
-
Xhosa
-
-
31
|1 Reyes 8:31|
Xa athe umntu wona ummelwane wakhe, wathwaliswa isifungo, wafungiswa, weza wafunga phambi kwesibingelelo sakho kule ndlu:
-
32
|1 Reyes 8:32|
yiva ke wena emazulwini, wenze, ugwebe kubakhonzi bakho; umgwebe ongendawo, uyibeke indlela yakhe phezu kwentloko yakhe; umgwebele olilungisa, umnike ngokobulungisa bakhe.
-
33
|1 Reyes 8:33|
Xa bathe abantu bakho, amaSirayeli, boyiswa ziintshaba zabo, kuba bekonile, baza babuyela kuwe, balivuma igama lakho, bathandaza batarhuzisa kuwe bekule ndlu:
-
34
|1 Reyes 8:34|
yiva ke wena emazulwini, usixolele isono sabantu bakho amaSirayeli, ubabuyisele emhlabeni owawunika ooyise.
-
35
|1 Reyes 8:35|
Xa lithe izulu lavalwa, akwabakho mvula, kuba bekonile, baza bathandaza bekule ndawo, balivuma igama lakho, babuya esonweni sabo, ngokuba ubacinezele:
-
36
|1 Reyes 8:36|
yiva ke wena emazulwini, usixolele isono sabakhonzi bakho, abantu bakho amaSirayeli, ngokuba ubafundisa indlela elungileyo abaya kuhamba ngayo, unise imvula ezweni lakho, olinike abantu bakho ukuba libe lilifa.
-
37
|1 Reyes 8:37|
Xa kuthe kwakho indlala elizweni, xa kuthe kwakho indyikitya yokufa, xa kuthe kwakho imbabala, nexoshomba, neenkumbi ezinqunquthayo; xa zithe iintshaba zabangqinga elizweni, emizini yabo; nokuba sisiphi isibetho, nokuba sisiphi isifo esithe sakho:
-
38
|1 Reyes 8:38|
ukuthandaza, nokutarhuzisa nokuba kukuphi, okuthe kwenziwa ngubani, nokuba ngabantu bakho bonke amaSirayeli, abathe besazi elowo isibetho sentliziyo yakhe, bazolulela kule ndlu izandla zabo:
-
39
|1 Reyes 8:39|
yiva ke wena emazulwini, endaweni ohlala kuyo, uxolele; wenze, umnike elowo ngokweendlela zakhe zonke, ngokuyazi kwakho intliziyo yakhe (ngokuba nguwe wedwa ozaziyo iintliziyo zoonyana bonke babantu);
-
40
|1 Reyes 8:40|
ukuze bakoyike yonke imihla abahleli ngayo emhlabeni owawunika oobawo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40