-
-
Xhosa
-
-
32
|1 Reyes 6:32|
Iingcango zombini bezizezomnquma; wazikrola ngemikrolo yeekerubhi, namasundu, neentyantyambo ezithe bhenqe, wazaleka ngegolide; eyihambisa igolide phezu kweekerubhi namasundu.
-
33
|1 Reyes 6:33|
Wenjenje ukuwenzela umnyango webhotwe imigubasi ngeminquma, esisahlulo sesine sodonga.
-
34
|1 Reyes 6:34|
Iingcango zombini wazenza ngemisipres; amaphiko omabini olunye ucango aba ngajingayo, amaphiko omabini olwesibini ucango aba ngajingayo.
-
35
|1 Reyes 6:35|
Wakrola kuwo iikerubhi, namasundu, neentyantyambo ezithe bhenqe, waleka ngegolide, yagudiswa emikrolweni.
-
36
|1 Reyes 6:36|
Wakha intendelezo engaphakathi ngeengcamba ezintathu zamatye aqingqiweyo, nangeengcamba zemisedare echweliweyo.
-
37
|1 Reyes 6:37|
Yasekwa ngomnyaka wesine, ngenyanga enguZivi, indlu kaYehova;
-
38
|1 Reyes 6:38|
ngomnyaka weshumi elinamnye, ngenyanga enguBhuli, eyinyanga yesibhozo leyo, yagqitywa loo ndlu ezintweni zayo zonke, nasezimfanelekweni zayo zonke. Wayakha ngeminyaka esixhenxe.
-
1
|1 Reyes 7:1|
Eyakhe indlu uSolomon wayakha iminyaka elishumi elinamithathu, wayigqiba indlu yakhe yonke.
-
2
|1 Reyes 7:2|
Kuba wakha nendlu yehlathi laseLebhanon: yalikhulu leekubhite ubude bayo, yangamashumi amahlanu eekubhite ububanzi bayo, yangamashumi amathathu eekubhite ukuphakama kwayo, phezu kwemikrozo emine yeentsika zomsedare, ezinemiqadi echweliweyo yemisedare phezu kweentsika ezo.
-
3
|1 Reyes 7:3|
Yafulelwa ngemisedare phezulu, phezu kwamagumbi abe ephezu kweentsika ezingamashumi amane anantlanu; aba lishumi elinantlanu lukrozweni lunye.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5