-
-
Xhosa
-
-
14
|1 Reyes 7:14|
Yena ebengunyana womhlolokazi wesizwe sakwaNafetali, uyise ebengumTire, ingcibi yobhedu; wayezele bubulumko nayingqondo, nakukwazi ukwenza yonke imisebenzi yobhedu. Weza ke kukumkani, kuSolomon, wayenza yonke imisebenzi yakhe.
-
15
|1 Reyes 7:15|
Wayila iintsika zambini zobhedu: zalishumi elinesibhozo iikubhite ukuphakama kwentsika inye, nomtya oziikubhite ezilishumi elinambini ukuthandela intsika inye.
-
16
|1 Reyes 7:16|
Wenza iingqukuva zambini ngobhedu olutyhidiweyo, zokubekwa emantloko eentsika ezo: ukuphakama kwengqukuva enye kuziikubhite ezintlanu, ukuphakama kwengqukuva yesibini kuziikubhite ezintlanu.
-
17
|1 Reyes 7:17|
Wenza iminatha, umsebenzi onguphinyephinye, nezidanga, umsebenzi osontelwe ezingqukuveni, ezisemantloko eentsika ezo: yasixhenxe kwenye ingqukuva, yasixhenxe kweyesibini ingqukuva.
-
18
|1 Reyes 7:18|
Wenza ke iirharnate, imikrozo emibini yokuwujikeleza omnye umnatha, yokugubungela iingqukuva ezisemantloko eentsika, wenjenjalo nakweyesibini ingqukuva.
-
19
|1 Reyes 7:19|
Iingqukuva ezisemantloko eentsika ezo zibe zingumsebenzi oyinyibiba, ngokwevaranda, ziziikubhite ezine;
-
20
|1 Reyes 7:20|
iingqukuva ezisezintsikeni ezo zombini wazenza nangaphezulu, kufuphi nesisu esalekwe ngomnatha, neerharnate ezimakhulu mabini, zikrozile zajikeleza engqukuveni yesibini.
-
21
|1 Reyes 7:21|
Wazimisa iintsika evarandeni yetempile, wayimisa intsika yasekunene, wathi igama layo nguZinzisayo; wayimisa intsika yasekhohlo, wathi igama layo nguMandlakuye.
-
22
|1 Reyes 7:22|
Phezu kweentloko zeentsika ezo bekukho umsebenzi weenyibiba. Wagqitywa ke umsebenzi weentsika.
-
23
|1 Reyes 7:23|
Wenza ulwandle olutyhidiweyo: lwaziikubhite ezilishumi ukusuka kolunye udini lwalo, kuyiwe kolunye udini lwalo, luyinqila ngeenxa zonke, lwaziikubhite ezintlanu ukuphakama kwalo; kwajikeleza kulo umtya oziikubhite ezimashumi mathathu ngeenxa zonke.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5