-
-
Xhosa
-
-
44
|1 Reyes 7:44|
nolwandle olunye, neenkomo ezilishumi elinambini ngaphantsi kolwandle olo;
-
45
|1 Reyes 7:45|
neembiza, nemihlakulwana, nezitya zokutshiza, neempahla zonke. Zizo ezo izinto uHuram awazenzela ukumkani uSolomon, zendlu kaYehova; bezizezo bhedu olubengezelayo.
-
46
|1 Reyes 7:46|
Ukumkani wazityhidela emmandleni weYordan, emhlabeni oludongwe, phakathi kweSukoti neTsaretan.
-
47
|1 Reyes 7:47|
Waziyeka uSolomon zonke iimpahla zingalinganiswanga, ngokuba bezizininzi kakhulu kunene; abafumaneka ubunzima bobhedu olo.
-
48
|1 Reyes 7:48|
Wazenza ke uSolomon zonke iimpahla zendlu kaYehova: isibingelelo segolide, netafile yegolide ebezikuyo izonka zokubonisa;
-
49
|1 Reyes 7:49|
neziphatho zezibane zegolide ethe shinyi: zazihlanu ngasekunene, zazihlanu ngasekhohlo, phambi kwendawo yezihlabo; neentyantyambo, nezibane, nezifinyiso zegolide,
-
50
|1 Reyes 7:50|
nezitya, nezitshetshe, nezitya zokutshiza, neenkamba, neengcedevu zegolide ethe shinyi, neehinjizi zegolide zeengcango zendlu engaphakathi, eyingcwele kangcwele, nezeengcango zendlu elibhotwe.
-
51
|1 Reyes 7:51|
Wagqitywa ke wonke umsebenzi, abewenzela indlu kaYehova ukumkani uSolomon. Wazingenisa uSolomon zonke Izinto, abezingcwalisile uDavide uyise, isilivere negolide, wazibeka iimpahla ezo endaweni yobuncwane bendlu kaYehova.
-
1
|1 Reyes 8:1|
Waza uSolomon wawabizela ndawonye amadoda amakhulu akwaSirayeli, neentloko zonke zezizwe, izikhulu zezindlu zooyise zoonyana bakaSirayeli, kukumkani uSolomon eYerusalem, ukuba bayinyuse ityeya yomnqophiso kaYehova, iphume emzini kaDavide: yiZiyon ke leyo.
-
2
|1 Reyes 8:2|
Abizelwa ndawonye kukumkani uSolomon onke amadoda akwaSirayeli emthendelekweni ngenyanga enguEtanim: yinyanga yesixhenxe ke leyo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5