-
-
Xhosa
-
-
3
|1 Reyes 8:3|
Eza ke onke amadoda amakhulu akwaSirayeli; bayithwala ababingeleli ityeya leyo.
-
4
|1 Reyes 8:4|
Benyuka nayo ityeya kaYehova, nentente yokuhlangana, neempahla zonke zengcwele ezibe zisententeni; benyuka nazo ababingeleli nabaLevi.
-
5
|1 Reyes 8:5|
Ke ukumkani uSolomon nebandla lonke lamaSirayeli, elibe lihlanganiselene kuye, linaye phambi kwetyeya, babingelela impahla emfutshane neenkomo ezingenakubalwa, ezingenakulinganiswa ukuba zininzi kwazo.
-
6
|1 Reyes 8:6|
Bayingenisa ababingeleli ityeya yomnqophiso kaYehova endaweni yayo, endaweni yezihlabo endlwini, engcweleni kangcwele, phantsi kwamaphiko eekerubhi.
-
7
|1 Reyes 8:7|
Ngokuba iikerubhi zaye ziwolulele amaphiko phezu kwendawo yetyeya, iikerubhi zayisithelisa ityeya nezibonda zayo ngaphezulu.
-
8
|1 Reyes 8:8|
Zazizide izibonda, zibonakala iincam zezibonda engcweleni phambi kwendawo yezihlabo, azabonakala ngaphandle; zisekhona unanamhla.
-
9
|1 Reyes 8:9|
Kwakungekho nto etyeyeni, yayingamacwecwe amabini amatye kuphela, awawabeka khona uMoses eHorebhe, oko uYehova wanqophisana noonyana bakaSirayeli, ekuphumeni kwabo ezweni laseYiputa.
-
10
|1 Reyes 8:10|
Kwathi, ekuphumeni kwababingeleli engcweleni, lasuka ilifu layizalisa indlu kaYehova.
-
11
|1 Reyes 8:11|
Ababingeleli ababa nakuma balungiselele ngenxa yelifu; ngokuba ubuqaqawuli bukaYehova bayizalisa indlu kaYehova.
-
12
|1 Reyes 8:12|
Waza wathi uSolomon, UYehova wathi, uya kuhlala esithokothokweni.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 6-8