-
-
Xhosa
-
-
7
|1 Reyes 12:7|
Athetha ke kuye, esithi, Ukuba uthe namhla waba ngumkhonzi kwaba bantu, wabakhonza, wabaphendula, wathetha amazwi amahle kubo, boba ngabakhonzi bakho yonke imihla.
-
8
|1 Reyes 12:8|
Walishiya icebo lamadoda amakhulu abemnike lona, wacebisana namadodana aziintanga zakhe, abemi phambi kwakhe;
-
9
|1 Reyes 12:9|
wathi kuwo, Ninika cebo lini na nina, ukuze sibanike ilizwi aba bantu bathethileyo kum, besithi, Yenze lula idyokhwe awayibeka phezu kwethu uyihlo?
-
10
|1 Reyes 12:10|
Athetha ke kuye amadodana aziintanga zakhe, esithi, Yithi kwaba bantu bathethe kuwe, besithi, Uyihlo wayenza nzima idyokhwe yethu, yenze lula kuthi wena; yithi kubo, Ucikicane wam uya kuba nesibili kunesinqe sikabawo.
-
11
|1 Reyes 12:11|
Ke, ekubeni ubawo ebenithwalise idyokhwe enzima, mna ke ndiya kongeza edyokhweni yenu; ubawo ubenibetha ngeentsontelo, mna ke ndiya kunibetha ngeekatsi.
-
12
|1 Reyes 12:12|
Baya ke ooYarobheham nabantu bonke kuRehabheham ngomhla wesithathu, njengoko wayethethe ngako ukumkani, esithi, Nobuya nize kum ngomhla wesithathu.
-
13
|1 Reyes 12:13|
Ukumkani wabaphendula abantu kalukhuni, walishiya icebo lamadoda amakhulu abemnike lona.
-
14
|1 Reyes 12:14|
Wathetha kubo ngokwecebo lamadodana, esithi, Ubawo wayenza nzima idyokhwe yenu, mna ke ndiya kongeza edyokhweni yenu; ubawo wanibetha ngeentsontelo, mna ke ndiya kunibetha ngeekatsi.
-
15
|1 Reyes 12:15|
Akabaphulaphulanga ke abantu ukumkani; ngokuba esi siphendu sibe siphuma kuYehova, ukuze alimise izwi lakhe, abelithethile uYehova ngoAhiya waseShilo kuYarobheham, unyana kaNebhati.
-
16
|1 Reyes 12:16|
Akubona ke onke amaSirayeli ukuba ukumkani akawaphulaphuli, abantu bambuyisela ukumkani ilizwi elithi, Sinasabelo sini na kuDavide? Asinalifa kunyana kaYese. Ezintenteni zenu, maSirayeli! Zikhangelele ngoku ngokwakho indlu yakho, Davide! Aya ezintenteni zawo ke amaSirayeli.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 9-10