-
-
Xhosa
-
-
27
|1 Reyes 12:27|
Ukuba bathe benyuka aba bantu, baya kubingelela endlwini kaYehova eYerusalem, yobuya intliziyo yaba bantu iye enkosini yabo, kuRehabheham, ukumkani wakwaYuda; bandibulale mna, babuyele kuRehabheham ukumkani wakwaYuda.
-
28
|1 Reyes 12:28|
Waceba ke ukumkani, wenza amathole egolide amabini; wathi kubo, Niyaxhamleka kukunyuka niye eYerusalem. Nanku uThixo wakho, Sirayeli, owakukhuphayo ezweni laseYiputa!
-
29
|1 Reyes 12:29|
Walimisa ke elinye eBhetele, walimisa elinye kwaDan.
-
30
|1 Reyes 12:30|
Yathi loo nto yaba sisono; bahamba abantu baya phambi kwelo likwaDan.
-
31
|1 Reyes 12:31|
Wenza indlu yasezigangeni, wenza ababingeleli eluntwini lonke, ababengengabo abakoonyana bakaLevi.
-
32
|1 Reyes 12:32|
UYarobheham wenza umthendeleko ngenyanga yesibhozo, ngoweshumi elinesihlanu umhla kuloo nyanga, onjengomthendeleko wakwaYuda; wenyusa amadini esibingelelweni.
-
33
|1 Reyes 12:33|
Wenjenjalo eBheteli, ebingelela kumathole lawo abewenzile; wamisa eBheteli ababingeleli beziganga awazenzayo. Wenyusa amadini esibingelelweni awasenzayo eBheteli, ngoweshumi elinesihlanu umhla wenyanga yesibhozo, ngenyanga leyo abeyicamangile kweyakhe intliziyo; wabenzela umthendeleko oonyana bakaSirayeli, wenyusa amadini esibingelelweni, ukuba kuqhunyiselwe.
-
1
|1 Reyes 13:1|
Nanko, kuvela umfo wakwaThixo kwaYuda ngokwelizwi likaYehova, weza eBheteli; uYarobheham wayemi ugasesibingelelweni eqhumisela.
-
2
|1 Reyes 13:2|
Wankqangaza esibingelelweni ngokwelizwi likaYehova, wathi, Sibingelelo, sibingelelo! Utsho uYehova ukuthi, Uyabona, kuya kuzalwa unyana kwindlu kaDavide, ogama linguYosiya; oya kubabingelela phezu kwakho lo ababingeleli beziganga, abaqhumisela phezu kwakho, kutshiswe amathambo abantu phezu kwakho.
-
3
|1 Reyes 13:3|
Kwangaloo mini wabaxelela isimanga esiya kuhla, esithi, Siso esi isimanga asithethileyo uYehova: Yabona, isibingelelo esi siya kukrazuka, luphalale uthuthu oluphezu kwaso.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 9-10