-
-
Xhosa
-
-
14
|1 Reyes 13:14|
Walandela umfo wakwaThixo, wamfumana ehleli phantsi komterebhinti, wathi kuye, Unguye na umfo wakwaThixo lo ubevela kwaYuda? Wathi yena, Ndinguye.
-
15
|1 Reyes 13:15|
Wathi kuye, Hamba siye ekhaya, udle isonka.
-
16
|1 Reyes 13:16|
Wathi yena, Andinakubuya nawe; andinakungena nawe; andiyi kudla sonka, andiyi kusela manzi nawe kule ndawo;
-
17
|1 Reyes 13:17|
kuba kuthiwe kum lilizwi likaYehova, Uze ungadli sonka, ungaseli manzi khona, ungabuyi uhambe ngendlela obuze ngayo.
-
18
|1 Reyes 13:18|
Wathi kuye, Ndingumprofeti nam njengawe; kuthethe isithunywa sezulu kum ngelizwi likaYehova, sisithi, Mbuyise, eze nawe endlwini yakho, adle isonka, asele amanzi. Watsho emxokisa.
-
19
|1 Reyes 13:19|
Wabuya ke naye, wadla isonka endlwini yakhe, wasela amanzi.
-
20
|1 Reyes 13:20|
Kwathi, behleli etafileni apho, kwafika ilizwi likaYehova kuloo mprofeti ubembuyisile;
-
21
|1 Reyes 13:21|
wankqangaza kuloo mfo wakwaThixo ubevele kwaYuda, esithi, Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba uwuphikisile umlomo kaYehova, akwawugcina umthetho abekuwisele uYehova uThixo wakho,
-
22
|1 Reyes 13:22|
wesuka wabuya, wadla isonka, wasela amanzi kule ndawo awathetha ngayo kuwe, esithi, Uze ungadli sonka, ungaseli manzi: isidumbu sakho asiyi kungena engcwabeni looyihlo.
-
23
|1 Reyes 13:23|
Kwathi emveni kokudla kwakhe isonka, emveni kokusela kwakhe, wambophela iesile umprofeti lowo abembuyisile.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 9-10