-
-
Xhosa
-
-
9
|1 Reyes 15:9|
Ngomnyaka wamashumi amabini kaYarobheham ukumkani wakwaSirayeli, uAsa waba ngukumkani kwaYuda.
-
10
|1 Reyes 15:10|
Waba neminyaka emashumi mane anamnye engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguMahaka, intombi ka-Abhisalom.
-
11
|1 Reyes 15:11|
UAsa wenza okuthe tye emehlweni kaYehova, njengoDavide uyise.
-
12
|1 Reyes 15:12|
Wawakhwelelisa amangÂ’awu, akabakho ezweni, wazisusa zoruke izigodo ezizizithixo, ababezenzile ooyise.
-
13
|1 Reyes 15:13|
KwanoMahaka unina wamguzula, akaba yinkosikazi; ngokuba wamenzela uAshera isithixo esilisikizi. Waza uAsa wasigawula isithixo sakhe esilisikizi, wasitshisa emlanjaneni oyiKidron.
-
14
|1 Reyes 15:14|
Ke iziganga azisuswanga; kodwa yona intliziyo ka-Asa yabe iphelele kuYehova yonke imihla yakhe.
-
15
|1 Reyes 15:15|
Wazingenisa izinto ezingcwele zikayise, nezakhe izinto ezingcwele, endlwini kaYehova, isilivere negolide nempahla.
-
16
|1 Reyes 15:16|
Yaye iyimfazwe phakathi koAsa noBhahesha, ukumkani wakwaSirayeli, yonke imihla yabo.
-
17
|1 Reyes 15:17|
Wenyuka uBhahesha ukumkani wakwaSirayeli, esiza kulwa namaYuda; wakha iRama, ukuba angavumi ukuba kuphume bani aye kuAsa ukumkani wakwaYuda.
-
18
|1 Reyes 15:18|
Wayithabatha uAsa yonke isilivere negolide ebisele ebuncwaneni bendlu kaYehova, nasebuncwaneni bendlu yokumkani, wayinikela ezandleni zabakhonzi bakhe. UAsa ukumkani wayithumela kuBhen-hadade, unyana kaTabrimon, unyana kaHeziyon, ukumkani wakwa-Aram, ohleli eDamasko, esithi,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 6-8