-
-
Xhosa
-
-
5
|1 Reyes 16:5|
Ezinye izinto zikaBhahesha, nawakwenzayo, nobugorha bakhe, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?
-
6
|1 Reyes 16:6|
UBhahesha walala kooyise, wangcwatyelwa eTirtsa. UEla, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
-
7
|1 Reyes 16:7|
Kananjalo ngesandla sikaYehu, unyana kaHanani, umprofeti, lafika ilizwi likaYehova kuBhahesha nakwindlu yakhe, nangenxa yobubi bonke awabenzayo emehlweni kaYehova, ukumqumbisa ngezenzo zezandla zakhe, ukuba ibe njengendlu kaYarobheham, nangenxa yokuba wamxabelayo.
-
8
|1 Reyes 16:8|
Ngomnyaka wamashumi omabini anamithandathu ka-Asa, ukumkani wakwaYuda, waba ngukumkani uEla unyana kaBhahesha, kwaSirayeli eTirtsa; yaba yiminyaka emibini.
-
9
|1 Reyes 16:9|
Wamceba umkhonzi wakhe uZimri, umthetheli wesiqingatha seenqwelo zakhe zokulwa, eseTirtsa, esela enxila endlwini ka-Arza, owayephethe indlu yakhe eTirtsa.
-
10
|1 Reyes 16:10|
Wangena ke uZimri, wamxabela, wambulala, ngomnyaka wamashumi amabini anesixhenxe ka-Asa ukumkani wakwaYuda; waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
-
11
|1 Reyes 16:11|
Kwathi, akuba ngukumkani, kwaesaqala ukuhlala etroneni yakhe, wayixabela yonke indlu kaBhahesha, akamsalisela nanye into eyindoda, nongumzalwana wakhe, nongumhlobo wakhe.
-
12
|1 Reyes 16:12|
Wayitshabalalisa uZimri yonke indlu kaBhahesha ngokwelizwi likaYehova, awalithethayo kuBhahesha ngoYehu umprofeti;
-
13
|1 Reyes 16:13|
ngenxa yezono zonke zikaBhahesha, nezono zikaEla unyana wakhe, abona ngazo, abawonisa ngazo amaSirayeli, ukumqumbisa uYehova uThixo kaSirayeli ngeento zabo ezingento.
-
14
|1 Reyes 16:14|
Ezinye izinto zikaEla, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 6-8