-
-
Xhosa
-
-
15
|1 Reyes 16:15|
Ngomnyaka wamashumi omabini anesixhenxe ka-Asa, ukumkani wakwaYuda, uZimri waba nemihla esixhenxe engukumkani eTirtsa. Abantu babemise iintente eGibheton eyeyamaFilisti.
-
16
|1 Reyes 16:16|
Beva abantu ababemise khona, kusithiwa, UZimri umcebile, kananjalo umbulele ukumkani. Onke amaSirayeli amenza ukumkani kumaSirayeli uOmri, umthetheli-mkhosi, kwangaloo mini emkhosini.
-
17
|1 Reyes 16:17|
Wenyuka ke uOmri enamaSirayeli onke esuka eGibheton, ayingqinga iTirtsa.
-
18
|1 Reyes 16:18|
Kwathi, akubona uZimri ukuba uza kuthinjwa umzi, wangena enqabeni yendlu yokumkani, wayitshisa ngomlilo phezu kwakhe indlu yokumkani, wafa;
-
19
|1 Reyes 16:19|
ngenxa yezono zakhe awona ngazo, wenza okubi emehlweni kaYehova, wahamba ngendlela kaYarobheham, nangezono zakhe awazenzayo wawonisa ngazo amaSirayeli.
-
20
|1 Reyes 16:20|
Ezinye izinto zikaZimri, nokuceba kwakhe awaceba ngako, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?
-
21
|1 Reyes 16:21|
Baza bahluka kubini abantu bakwaSirayeli: esinye isahlulo sabantu salandela uTibheni, unyana kaGinati, ukuba simenze ukumkani; esinye isahlulo salandela uOmri.
-
22
|1 Reyes 16:22|
Abantu ababelandela uOmri baboyisa abo bantu babelandela uTibheni, unyana kaGinati; wafa uTibheni; waba ngukumkani uOmri.
-
23
|1 Reyes 16:23|
Ngomnyaka wamashumi amathathu anamnye ka-Asa ukumkani wakwaYuda, uOmri waba ngukumkani wamaSirayeli, iminyaka yaba lishumi elinamibini; waba ngukumkani eTirtsa iminyaka emithandathu.
-
24
|1 Reyes 16:24|
Waza wathenga intaba yakwaSamari kuSamari ngeetalente ezimbini zesilivere, wakha kuloo ntaba, wathi igama laloo mzi wawakhayo yiSamari, ngegama likaSamari umninintaba.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 6-8