-
-
Xhosa
-
-
25
|1 Reyes 16:25|
UOmri wenza okubi emehlweni kaYehova; wenza okubi ngaphezu kwabo bonke ababengaphambi kwakhe.
-
26
|1 Reyes 16:26|
Wahamba ngendlela yonke kaYarobheham unyana kaNebhati, nangezono zakhe awawonisa ngazo amaSirayeli, ukumqumbisa uYehova uThixo kaSirayeli ngezinto zabo ezingento.
-
27
|1 Reyes 16:27|
Ezinye izinto zikaOmri awazenzayo, nobugorha bakhe awabenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?
-
28
|1 Reyes 16:28|
UOmri walala kooyise, wangcwatyelwa kwaSamari, uAhabhi unyana wakhe waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
-
29
|1 Reyes 16:29|
UAhabhi, unyana kaOmri, waba ngukumkani kumaSirayeli ngomnyaka wamashumi omathathu anesibhozo ka-Asa, ukumkani wakwaYuda; uAhabhi unyana kaOmri waba neminyaka emashumi mabini anamibini engukumkani kumaSirayeli kwaSamari.
-
30
|1 Reyes 16:30|
UAhabhi unyana kaOmri wenza okubi emehlweni kaYehova ngaphezu kwabo bonke ababengaphambi kwakhe.
-
31
|1 Reyes 16:31|
Ke, ngokungathi kulula kuye ukuhamba ngezono zikaYarobheham unyana kaNebhati, wesuka wazeka uIzebhele, intombi kaEtebhahali ukumkani wamaTsidon, wangumkakhe; waya wakhonza uBhahali, wamnqula.
-
32
|1 Reyes 16:32|
Wammisela uBhahali isibingelelo, endlwini kaBhahali, abemakhele yona kwaSamari.
-
33
|1 Reyes 16:33|
UAhabhi wenza uAshera; uAhabhi waqokela ukumqumbisa uYehova uThixo wakwaSirayeli, ngaphezu kwabo bonke ookumkani bakwaSirayeli ababengaphambi kwakhe.
-
34
|1 Reyes 16:34|
Ngeemini zakhe wayakha uHiyeli waseBheteli iYeriko; wayiseka ngoAbhiram, amazibulo akhe, wawamisa amasango ayo ngoSegubhi, owamathumbu akhe, ngokwelizwi likaYehova, awalithethayo ngoYoshuwa unyana kaNun.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 6-8