-
-
Xhosa
-
-
21
|1 Reyes 17:21|
Wazolula phezu komntwana izihlandlo zazithathu, wanqula uYehova, wathi, Yehova Thixo wam, mawukhe ubuyele phakathi kwakhe umphefumlo walo mntwana.
-
22
|1 Reyes 17:22|
Waliva uYehova ilizwi likaEliya; wabuyela phakathi kwakhe umphefumlo waloo mntwana, waphila.
-
23
|1 Reyes 17:23|
Wamthabatha uEliya umntwana, wehla naye egumbini eliphezulu, waya endlwini, wamnika unina; wathi uEliya, Uyabona, uphilile unyana wakho.
-
24
|1 Reyes 17:24|
Wathi loo mfazi kuEliya, Kaloku ke ndiyazi ukuba ungumfo wakwaThixo wena, nelizwi likaYehova elisemlonyeni wakho liyinyaniso.
-
1
|1 Reyes 18:1|
Kwathi kwakuba mzuzu, lafika ilizwi likaYehova kuEliya ngomnyaka wesithathu, lathi, Hamba uye kubonana noAhabhi, ndinise imvula phezu komhlaba.
-
2
|1 Reyes 18:2|
Wahamba waya kubonana uEliya noAhabhi. Indlala ke yayinzima kwaSamari.
-
3
|1 Reyes 18:3|
UAhabhi wayebize uObhadiya, obephethe indlu yakhe (uObhadiya ke wayemoyika uYehova kunene:
-
4
|1 Reyes 18:4|
wayethe yena ekubanqamleni kukaIzebhele abaprofeti bakaYehova, uObhadiya wathabatha ikhulu labaprofeti, wabazimeza ngamashumi ngamahlanu, ngamashumi ngamahlanu, emqolombeni, wabondla ngesonka namanzi).
-
5
|1 Reyes 18:5|
Wathi ke uAhabhi kuObhadiya, Hamba uye ezweni, emithonjeni yonke yamanzi nasemilanjaneni yonke; mhlawumbi sofumana utyani, siphilise amahashe noondlebende, zingabuthisi zonke iinkomo.
-
6
|1 Reyes 18:6|
Balahlula ilizwe phakathi kwabo, ukuba bacande kulo; uAhabhi wahamba ngenye indlela yedwa, uObhadiya wahamba ngenye indlela yedwa.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 6-8