-
-
Xhosa
-
-
7
|1 Reyes 18:7|
Kwathi ke, esendleleni uObhadiya, wabonakala uEliya emkhawulela, wamazi, wawa ngobuso, wathi, Nguwe na lo, nkosi yam Eliya?
-
8
|1 Reyes 18:8|
Wathi yena kuye, Ndim. Hamba uye kuthi enkosini yakho, Nanku elapha uEliya.
-
9
|1 Reyes 18:9|
Wathi, Ndenze sono sini na, ukuba umnikele umkhonzi wakho esandleni sika-Ahabhi ukuba andibulale?
-
10
|1 Reyes 18:10|
Ehleli nje uYehova uThixo wakho, akukho luhlanga nabukumkani, apho ingathumelanga khona inkosi yam, ikufuna; bakuthi, Akakho, yabafungisa ubukumkani nohlanga olo, ukuthi akufumanekanga.
-
11
|1 Reyes 18:11|
Kaloku ke uthi, Hamba uye kuthi enkosini yakho, Nanku elapha uEliya.
-
12
|1 Reyes 18:12|
Kothi, ndithe ndemka kuwe, uMoya kaYehova akuthwalele apho ndingaziyo; ndiye ndixelele uAhabhi, angakufumani, andibulale; umkhonzi wakho lo umoyike uYehova kwasebuncinaneni bam.
-
13
|1 Reyes 18:13|
Bekungaxelwanga na enkosini yam endakwenzayo ekubabulaleni kukaIzebhele abaprofeti bakaYehova, ndazimeza ikhulu lamadoda kubaprofeti bakaYehova, ngamashumi ngamahlanu, ngamashumi ngamahlanu, emqolombeni, ndabondla ngesonka nangamanzi?
-
14
|1 Reyes 18:14|
Kaloku ke uthi, Hamba uye kuthi enkosini yakho, Nanku elapha uEliya; ukuze indibulale.
-
15
|1 Reyes 18:15|
Wathi uEliya, Ehleli nje uYehova wemikhosi, endimiyo phambi kwakhe, inene, namhlanje ndiya kubonana naye.
-
16
|1 Reyes 18:16|
UObhadiya waya kumkhawulela ke uAhabhi, wamxelela; wahamba uAhabhi, waya kumkhawulela uEliya.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 6-8