-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|1 Samuel 14:11|
Bazibonakalisa bobabini ekampini yamaFilisti; athi amaFilisti, Nanga amaHebhere ephuma emingxunyeni abezimele kuyo.
-
12
|1 Samuel 14:12|
Abaphendula amadoda asekampini ooYonatan nomphathi weentonga zakhe, athi, Nyukani nize kuthi, sinibonise. Wathi uYonatan kumphathi weentonga zakhe, Nyuka emva kwam; ngokuba uYehova uwanikele esandleni samaSirayeli.
-
13
|1 Samuel 14:13|
Wenyuka uYonatan, ekhasa ngezandla neenyawo, umphathi weentonga zakhe esemva kwakhe. Awa phambi koYonatan; nomphathi weentonga zakhe esemva kwakhe ebulala.
-
14
|1 Samuel 14:14|
Kwathi, ukuxabela kokuqala awaxabela ngako uYonatan nomphathi weentonga zakhe, kwaxatyelwa amadoda angathi amashumi mabini, esiqingatheni sendima eyiakile yentsimi.
-
15
|1 Samuel 14:15|
Kwabakho umothuko emkhosini, nasezindle, nasebantwini bonke; ikampu namatutu bothuka nabo; wanyikima umhlaba; yaba sisothuso esivela kuThixo.
-
16
|1 Samuel 14:16|
Bakhangela ababoniseli bakaSawule, baseGibheha yakwaBhenjamin, nantso ingxokolo inyibilika; yaye ichithana yodwa.
-
17
|1 Samuel 14:17|
Wathi uSawule ebantwini ababenaye, Khanibale, nibone ukuba ngubani na ongekhoyo kuthi. Babala; yini? akakho uYonatan nomphathi weentonga zakhe.
-
18
|1 Samuel 14:18|
Wathi usawule kuAhiya, Zisa apha ityeya kaThixo; ngokuba ityeya kaThixo ibinoonyana bakaSirayeli ngaloo mini.
-
19
|1 Samuel 14:19|
Kwathi, esathetha uSawule kumbingeleli, ingxokozelo yempi yamaFilisti yaya ikhula. Wathi uSawule kumbingeleli, Sibuyise umva isandla sakho.
-
20
|1 Samuel 14:20|
Bahlanganisana uSawule nabantu bonke ababenaye, baya kulwa; nalo ikrele lomntu limi kummelwane wakhe, isisaqunge esikhulu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3