-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
31
|1 Samuel 14:31|
Bawaxabela ngaloo mini amaFilisti, bathabathela eMikmas besa eAyalon; betyhafile kunene abantu.
-
32
|1 Samuel 14:32|
Baziphosa abantu emaxhobeni, bathabatha impahla emfutshane, neenkomo, namathole eenkomo, baxhelela emhlabeni, abantu bayidla inegazi.
-
33
|1 Samuel 14:33|
Waxelelwa uSawule, kwathiwa, Uyabona, abantu bayona kuYehova ngokuyidla inegazi. Wathi, Nitshinizile; qengqelani kum ilitye elikhulu ngoku.
-
34
|1 Samuel 14:34|
Wathi uSawule, Yithini saa phakathi kwabantu, nithi kubo, Zisani kum elowo inkomo yakhe, elowo igusha yakhe, nixhelele apha, nidle; ningoni kuYehova ngokuyidla inegazi. Bonke abantu bazisa elowo inkomo yakhe ngesandla sakhe ngobo busuku, baxhelela khona.
-
35
|1 Samuel 14:35|
USawule wakha isibingelelo kuYehova, waqala ngaso ukwakha isibingelelo kuYehova.
-
36
|1 Samuel 14:36|
Wathi uSawule, Masihle siwaphuthume amaFilisti ebusuku, siwaphange kude kuse ngomso, singashiyi mntu kuwo. Bathi, Yenza konke okulungileyo emehlweni akho. Wathi umbingeleli, Masisondele kuThixo apha.
-
37
|1 Samuel 14:37|
USawule wabuza kuThixo, esithi, Ndihle ndiwalandele na amaFilisti? Wowanikela na esandleni samaSirayeli? Akamphendula loo mini.
-
38
|1 Samuel 14:38|
Wathi uSawule, Yizani apha, nonke nina zibonda zabantu, nazi, nibone ukuba sikwini na esi sono namhlanje?
-
39
|1 Samuel 14:39|
Ngokuba ehleli nje uYehova osindise amaSirayeli, nokuba sibe sikuYonatan unyana wam, ubeya kufa. Akwabakho umphendulayo ebantwini bonke.
-
40
|1 Samuel 14:40|
Wathi kumaSirayeli onke, Yibani ngelinye icala nina, ndibe ngelinye icala, mna noYonatan unyana wam. Bathi abantu kuSawule, Yenza okulungileyo emehlweni akho.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7