-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
41
|1 Samuel 14:41|
Wathi uSawule kuYehova, Thixo kaSirayeli, velisa inyaniso. Kwathatyathwa ke uYonatan noSawule, basinda abantu.
-
42
|1 Samuel 14:42|
Wathi uSawule, Yenzani amaqashiso kum noYonatan unyana wam. Kwathatyathwa ke uYonatan.
-
43
|1 Samuel 14:43|
Wathi uSawule kuYonatan, Ndixelele, yintoni na le nto uyenzileyo? UYonatan wamxelela, wathi, Ndisuke ndeva intwana yobusi ngencam yentonga ebisesandleni sam; nanku ndiya kufa.
-
44
|1 Samuel 14:44|
Wathi uSawule, UThixo makenjenje kum, aqokele ukwenjenje; inene, ukufa uya kufa, Yonatan.
-
45
|1 Samuel 14:45|
Bathi abantu kuSawule, Afe na uYonatan, owenze olu lusindiso lukhulu kwaSirayeli? Makube lee oko! Ehleli nje uYehova, akusayi kuwa nonwele lwentloko yakhe emhlabeni; ngokuba usebenzisene noThixo namhla. Bamkhulula ke abantu uYonatan, akafa.
-
46
|1 Samuel 14:46|
Wenyuka uSawule ekuwalandeleni amaFilisti; athi amaFilisti aya kuloo ndawo yawo.
-
47
|1 Samuel 14:47|
Wabuthabatha ke uSawule ubukumkani bakwaSirayeli; walwa ngeenxa zonke neentshaba zakhe zonke, amaMowabhi, noonyana baka-Amon, namaEdom nookumkani baseTsobha, namaFilisti; wathi, ezindaweni zonke abheka kuzo, wawatyela.
-
48
|1 Samuel 14:48|
Wavelisa amandla, wawaxabela ama-Amaleki, wawahlangula amaSirayeli esandleni sabo babewaphanga.
-
49
|1 Samuel 14:49|
Ke kaloku oonyana bakaSawule bebengooYonatan, noIshevi, noMalekishuwa. Ke amagama eentombi zakhe zombini ngawo la: igama leyamazibulo nguMerabhi, igama lenci nguMikali.
-
50
|1 Samuel 14:50|
Igama lomkaSawule belinguAhinowam, intombi ka-Ahimahatse. Igama lomthetheli womkhosi wakhe belinguAbhinere, unyana kaNere, uyisekazi kaSawule.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7