-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|1 Samuel 14:21|
Ke kaloku athi namaHebhere abekumaFilisti njengaphambili, abenyuke ngeenxa zonke, eza nawo emkhosini, esuka aphamba nawo, angakumaSirayeli la abenoSawule noYonatan.
-
22
|1 Samuel 14:22|
Kwanamadoda onke akwaSirayeli, abezimele kweleentaba lakwaEfrayim, eva ukuba amaFilisti asabile, awalandela athana mbende nawo ekulweni.
-
23
|1 Samuel 14:23|
UYehova wawasindisa ke amaSirayeli ngaloo mini. Ukulwa kwegqitha eBhetaven.
-
24
|1 Samuel 14:24|
Amadoda akwaSirayeli ayeminyekile kukudinwa ngaloo mini. USawule wabafungisa abantu, esithi, Uqalekisiwe odla isonka kungekahlwi, ndide ndiziphindezelele ezintshabeni zam. Bonke abantu abadla nento.
-
25
|1 Samuel 14:25|
Lonke ilizwe leza ehlathini; kwaye kukho ubusi phezu komhlaba.
-
26
|1 Samuel 14:26|
Bafika abantu ehlathini, nanko kuvuza ubusi. Akwabakho usa isandla emlonyeni wakhe; ngokuba abantu babesoyika isifungo.
-
27
|1 Samuel 14:27|
Ke uYonatan ubengamvanga uyise, ukubafungisa kwakhe abantu, wesa incam yentonga ebisesandleni sakhe, wayifaka enqatheni lobusi, wasibuyisela emlonyeni wakhe isandla sakhe; aqabuka amehlo akhe.
-
28
|1 Samuel 14:28|
Yaphendula indoda yasebantwini, yathi, Uyihlo ubafungisile wabafungisa abantu, esithi, Uqalekisiwe odla isonka, namhlanje. Babethe ncithi abantu liphango.
-
29
|1 Samuel 14:29|
Wathi uYonatan, Ubawo ulihlisele ishwangusha ilizwe; khanikhangele, amehlo am aqabukile, ngokuba ndive le ntwana yobusi.
-
30
|1 Samuel 14:30|
Ukuba babethe abantu badla, besidla namhla emaxhobeni eentshaba zabo abawafumeneyo, ngelubeke phi na ke ukugqithisela ukuba lukhulu ngoku uxabelo kumaFilisti?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21