-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|1 Samuel 21:11|
Bathi abakhonzi baka-Akishe kuye, Asinguye na lo uDavide, ukumkani welizwe? Asinguye na lo babevuma ngaye ekungqungqeni, besithi, USawule ubulele amawaka akhe, UDavide ubulele amawaka akhe angamashumi?
-
12
|1 Samuel 21:12|
UDavide wawagcina loo mazwi entliziyweni yakhe, woyika kunene ebusweni buka-Akishe, ukumkani waseGati.
-
13
|1 Samuel 21:13|
Waziphambanisa ingqondo phambi kwabo, wazigezisa esandleni sabo, wakrwela ezingcangweni zesango, wavuzisa uluchwe ezindevini zakhe.
-
14
|1 Samuel 21:14|
Wathi uAkishe kubakhonzi bakhe, Khangelani, nantsi le ndoda isisihiba; yini na ukuba niyizise kum?
-
15
|1 Samuel 21:15|
Ndiswele izihiba yini na ukuba nizise lo, abhudele phezu kwam? Wongena yini na lo endlwini yam?
-
1
|1 Samuel 22:1|
Wemka ke uDavide apho, wazisindisela emqolombeni waseAdulam. Beva abakhuluwa bakhe nendlu kayise yonke, behla baya kuye khona.
-
2
|1 Samuel 22:2|
Abuthelana kuye onke amadoda axinekileyo, namadoda onke anamatyala, namadoda onke anezikrokro; waba ngumthetheli wawo. Aba kuye amadoda akumakhulu amane.
-
3
|1 Samuel 22:3|
UDavide wemka khona, waya eMizpa kwaMowabhi, wathi kukumkani wakwaMowabhi, Makhe baphume ubawo noma, bahlale nani, ndide ndazi into aya kundenzela yona uThixo.
-
4
|1 Samuel 22:4|
Wabazisa phambi kokumkani wakwaMowabhi; bahlala naye yonke imihla abesemboniselweni uDavide.
-
5
|1 Samuel 22:5|
Wathi uGadi, umprofeti, kuDavide, Uze ungahlali emboniselweni; hamba uye ezweni lakwaYuda. Wahamba ke uDavide, waya ehlathini leHerete.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10