-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
16
|1 Samuel 22:16|
Wathi ukumkani, Uya kufa ufe, Ahimeleki, wena nendlu yonke kayihlo.
-
17
|1 Samuel 22:17|
Wathi ukumkani kwizigidimi zakhe ezibe zimi ngakuye, Jikani, nibabulale ababingeleli bakaYehova; kuba nesabo isandla sinoDavide, nangokuba babesazi oko wabalekayo yena, abayityhilela indlebe yam. Abavuma abakhonzi bokumkani ukusa isandla sabo, baxabele kubabingeleli bakaYehova.
-
18
|1 Samuel 22:18|
Wathi ukumkani kuDowegi, Jika wena, uxabele kubabingeleli. Wajika ke uDowegi umEdom, waxabela yena kubabingeleli, wabulala ngaloo mini amashumi asibhozo anamahlanu amadoda enxibe iefodi yelinen emhlophe.
-
19
|1 Samuel 22:19|
NeNobhi, umzi wababingeleli, wayitshabalalisa ngohlangothi lwekrele, ethabathela kwindoda ase kumfazi, ethabathela kwiintsapho ase kwiintsana, neenkomo, namaesile, neegusha, ngohlangothi lwekrele.
-
20
|1 Samuel 22:20|
Kwasinda unyana wamnye ka-Ahimeleki unyana ka-Ahitubhi, ogama belinguAbhiyatare; owabaleka walandela uDavide.
-
21
|1 Samuel 22:21|
UAbhiyatare wamxelela uDavide, ukuba uSawule ubabulele ababingeleli bakaYehova.
-
22
|1 Samuel 22:22|
Wathi uDavide kuAbhiyatare, Bendisazi kwangaloo mini, ukuba, ekho nje uDowegi umEdom, uya kumxelela kakade uSawule. Ndim obulalise imiphefumlo yonke yendlu kayihlo.
-
23
|1 Samuel 22:23|
Hlala nam, musa ukoyika; ngokuba ofuna umphefumlo wam ufuna umphefumlo wakho; ngokuba ugcinakele, unam nje.
-
1
|1 Samuel 23:1|
Kwaxelwa kuDavide, kwathiwa, Nanga amaFilisti esilwa neKehila; ayazidywida izanda.
-
2
|1 Samuel 23:2|
UDavide wabuza kuYehova, wathi, Ndiye na ndiwachithe la maFilisti? Wathi uYehova kuDavide, Yiya uwachithe amaFilisti, uyisindise iKehila.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10