-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
3
|1 Samuel 23:3|
Athi amadoda akwaDavide kuye, Nanku thina sisoyika, sikwaYuda apha. Sobeka phi na, xa sithe saya eKehila, ezintlwini zamaFilisti?
-
4
|1 Samuel 23:4|
Waphinda uDavide, wabuza kuYehova kanjalo. Wamphendula uYehova, wathi, Suka uhle, uye eKehila; ngokuba ndiya kuwanikela amaFilisti esandleni sakho.
-
5
|1 Samuel 23:5|
Waya ke uDavide namadoda akwakhe eKehila, walwa namaFilisti, wayiqhuba imfuyo yawo, wawabulala kakhulu. Wabasindisa ke uDavide abemi beKehila.
-
6
|1 Samuel 23:6|
Kwathi, ekubalekeni kuka-Abhiyatare, unyana ka-Ahimeleki, kuDavide eKehila, wehla ene-efodi esandleni sakhe.
-
7
|1 Samuel 23:7|
Kwaxelwa kuSawule, ukuba uDavide ufikile eKehila. Wathi uSawule, UThixo umlahlele esandleni sam; ngokuba uzivalele ngokungena emzini oneengcango nemivalo.
-
8
|1 Samuel 23:8|
USawule wababizela ndawonye emfazweni bonke abantu, ukuba behle baye eKehila, bangqinge uDavide namadoda akhe.
-
9
|1 Samuel 23:9|
Wazi uDavide ukuba uSawule umenzela ububi, wathi kuAbhiyatare umbingeleli, Zisa iefodi leyo.
-
10
|1 Samuel 23:10|
Wathi uDavide, Yehova, Thixo kaSirayeli, uvile ngenene umkhonzi wakho, ukuba uSawule ufuna ukuza eKehila, ukuba awonakalise lo mzi ngenxa yam.
-
11
|1 Samuel 23:11|
Abemi beKehila bondinikela na esandleni sakhe? Wohla na uSawule, njengoko avileyo umkhonzi wakho? Yehova, Thixo kaSirayeli, khawumxelele umkhonzi wakho. Wathi uYehova, Uya kuhla.
-
12
|1 Samuel 23:12|
Wathi uDavide, Abemi beKehila bondinikela na mna namadoda am esandleni sikaSawule? Wathi uYehova, Bokunikela.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10