-
-
Xhosa
-
-
1
|2 Samuel 24:1|
Ke kaloku wabuya wavutha umsindo kaYehova kumaSirayeli, wamxhokonxela uDavide kuwo, esithi, Yiya, uwabale amaSirayeli namaYuda.
-
2
|2 Samuel 24:2|
Wathi ke ukumkani kuYowabhi, umthetheli-mpi obenaye, Khawutyhutyhe ezizweni zonke zakwaSirayeli, uthabathela kwaDan use eBher-shebha, nibabale abantu, ndilazi inani labantu.
-
3
|2 Samuel 24:3|
Wathi uYowabhi kukumkani, Makongeze ke uYehova uThixo wakho ebantwini izihlandlo ezilikhulu, bengangoko bangako, abone namehlo enkosi yam ukumkani; ke yini na ukuba inkosi yam ukumkani iyifune le nto?
-
4
|2 Samuel 24:4|
Laqina ilizwi lokumkani kuYowabhi nakubathetheli-mpi. Waphuma ke uYowabhi nabathetheli-mpi phambi kokumkani, baya kubabala abantu bakwaSirayeli.
-
5
|2 Samuel 24:5|
Bawela eYordan, bamisa eArohere, ngasekunene komzi ophakathi kwesihlambo sakwaGadi naseYazere;
-
6
|2 Samuel 24:6|
baya eGiliyadi nasezweni laseTatim-hodeshe, baya nakwaDan-yahan, bajikelezela kowakwaTsidon;
-
7
|2 Samuel 24:7|
baya nasenqabeni yaseTire, nasemizini yonke yamaHivi neyamaKanan; baya baphuma kwelisezantsi lakwaYuda eBher-shebha.
-
8
|2 Samuel 24:8|
Balityhutyha ke lonke ilizwe, beza eYerusalem ekupheleni kweenyanga ezisithoba ezineentsuku ezimashumi mabini.
-
9
|2 Samuel 24:9|
UYowabhi wamnika ke ukumkani inani lokubalwa kwabantu: aza amaSirayeli aba ngamakhulu asibhozo amawaka amadoda anobukroti, arhola ikrele; amadoda akwaYuda aba ngamakhulu amahlanu amawaka amadoda.
-
10
|2 Samuel 24:10|
Yakhathazeka intliziyo kaDavide emveni kokuba ebabalile abantu. Wathi uDavide kuYehova, Ndonile kunene ngale nto ndiyenzileyo; kaloku khawubukhwelelise, Yehova, ubugwenxa bomkhonzi wakho; ngokuba ndenze ngobudenge obukhulu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10