-
-
Xhosa
-
-
21
|2 Samuel 24:21|
Wathi uAravena, Izelani na inkosi yam ukumkani kumkhonzi wayo? Wathi uDavide, Ndiza kuthenga isanda kuwe, ukuba ndakhele uYehova isibingelelo, sithintelwe isibetho ebantwini.
-
22
|2 Samuel 24:22|
Wathi uAravena kuDavide, Mayithabathe inkosi yam ukumkani, inyuse okulungileyo emehlweni ayo. Nanzi iinkomo zedini elinyukayo, neempahla zokubhula needyokhwe zeenkomo zokuba ziinkuni.
-
23
|2 Samuel 24:23|
Zonke ezi zinto, kumkani, uAravena uzinika ukumkani. Wathi uAravena kukumkani, UYehova uThixo wakho makakholiswe nguwe.
-
24
|2 Samuel 24:24|
Wathi ukumkani kuAravena, Hayi, ndiya kusithenga ngexabiso kuwe; andiyi kunyusa ndise kuYehova uThixo wam amadini anyukayo endiwazuze ngelize. Wasithenga ke uDavide isanda neenkomo ezo ngeeshekele zesilivere ezimashumi mahlanu.
-
25
|2 Samuel 24:25|
Wakhela apho ke uDavide isibingelelo kuYehova, wanyusa amadini anyukayo nemibingelelo yoxolo. Wathandazeka ke uYehova ngenxa yelizwe; sathintelwa isibetho kumaSirayeli.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10