-
-
Xhosa
-
-
1
|2 Samuel 1:1|
Kwathi emva kokufa kukaSawule, uDavide ebuyile ekuwabulaleni ama-Amaleki, wahlala uDavide eTsikelage imihla emibini.
-
2
|2 Samuel 1:2|
Kwathi ke ngomhla wesithathu, kwabonakala kuvela indoda emkhosini, kuSawule, zikrazukile iingubo zayo, inomhlaba entloko; kwathi ekuzeni kwayo kuDavide, yawa emhlabeni, yaqubuda.
-
3
|2 Samuel 1:3|
Wathi uDavide kuyo, Uvela phi na? Yathi kuye, Ndisabe emkhosini wamaSirayeli.
-
4
|2 Samuel 1:4|
Wathi uDavide kuyo, Kuthekeni na? Khawundixelele. Yathi, Hayi, babalekile abantu ekulweni; kananjalo kuwe into eninzi yabantu, yafa; kananjalo uSawule, noYonatan unyana wakhe, babulewe.
-
5
|2 Samuel 1:5|
Wathi uDavide kwindodana ebimxelela, Wazi ngani na, ukuba uSawule ufile, noYonatan unyana wakhe?
-
6
|2 Samuel 1:6|
Yathi indodana ebimxelela, Kuthe ukuthi gaxa kwam, ndafika ezintabeni zaseGilibhowa; nanku uSawule ayame ngentshuntshe yakhe; nabo abeenqwelo zokulwa nabamahashe bethene mbende naye.
-
7
|2 Samuel 1:7|
Uthe akubheka, wandibona, wandibiza; ndathi, Sendikho.
-
8
|2 Samuel 1:8|
Wathi kum, Ungubani na? Ndathi kuye, NdingumAmaleki.
-
9
|2 Samuel 1:9|
Wathi kum, Khawume phezu kwam, undibulale, ngokuba ndiphelelwe; kuba andikafi kanye.
-
10
|2 Samuel 1:10|
Ndema phezu kwakhe, ndambulala; ngokuba bendisazi ukuba akayi kuba saphila emva kokuwa kwakhe. Ndathabatha isithsaba esibe sisentlokweni yakhe, nesacholo esibe sisengalweni yakhe; ndizise zona apha kwinkosi yam.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7