-
-
Xhosa
-
-
4
|2 Samuel 2:4|
Eza amadoda akwaYuda, amthambisa khona apho uDavide ukuba abe ngukumkani kwindlu yakwaYuda. Kwaxelwa kuDavide, kusithiwa, Amadoda aseYabheshe yaseGiliyadi, ngawo awamngcwabayo uSawule.
-
5
|2 Samuel 2:5|
UDavide wathumela ke abathunywa kumadoda aseYabheshe yaseGiliyadi, wathi kuwo, Manisikelelwe nguYehova nina, nayenzelayo inkosi yenu uSawule loo nceba, nayingcwaba.
-
6
|2 Samuel 2:6|
Ngoko uYehova makanenzele inceba nenyaniso; nam ndiya kunenzela oko kulungileyo, ngokuba nayenzayo loo nto.
-
7
|2 Samuel 2:7|
Ke kaloku mazomelele izandla zenu, nibe ngamadoda anobukroti; ngokuba ifile inkosi yenu uSawule. Kananjalo indithambisile indlu yakwaYuda ukuba ndibe ngukumkani wayo.
-
8
|2 Samuel 2:8|
Ke kaloku uAbhinere unyana kaNere, umthetheli womkhosi obungokaSawule, ebethabathe uIshbhoshete, unyana kaSawule, wamwezela eMahanayim,
-
9
|2 Samuel 2:9|
wamenza ukumkani eGiliyadi, nakuma-Askure, naseYizereli, nakwaEfrayim, nakwaBhenjamin, nakumaSirayeli onke.
-
10
|2 Samuel 2:10|
UIshbhoshete, unyana kaSawule, ebeminyaka imashumi mane ezelwe, ekwenziweni kwakhe ukumkani kumaSirayeli, wangukumkani iminyaka emibini. Kodwa indlu yakwaYuda yalandela uDavide.
-
11
|2 Samuel 2:11|
Inani lemihla uDavide abengukumkani kwindlu yakwaYuda eHebron, libe liyiminyaka esixhenxe eneenyanga ezintandathu.
-
12
|2 Samuel 2:12|
Waphuma uAbhinere unyana kaNere, nabakhonzi bakaIshbhoshete, unyana kaSawule, eMahanayim, baya eGibheyon.
-
13
|2 Samuel 2:13|
Baphuma uYowabhi unyana kaTseruya, nabakhonzi bakaDavide, baqubisana nabo echibini laseGibheyon. Bahlala aba echibini ngapha, bahlala abaya echibini ngaphaya.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7