-
-
Xhosa
-
-
24
|2 Samuel 2:24|
OoYowabhi noAbhishayi bamsukela bamlandela uAbhinere, lada latshona ilanga; bada bafika edulini yeAma, ekhangelene neGiya, endleleni yentlango yeGibheyon.
-
25
|2 Samuel 2:25|
Bahlanganisana oonyana bakaBhenjamin, bamlandela uAbhinere, bambumba-nye, bema encotsheni yanduli-nye.
-
26
|2 Samuel 2:26|
Wamemeza uAbhinere kuYowabhi, wathi, Liya kumana ukudla na ikrele? Akwazi na ukuba kuya kuba krakra kamva? Kuya kuba mzuzu ungakanani na ungabaxeleli abantu, babuye ekusukeleni abazalwana babo?
-
27
|2 Samuel 2:27|
Wathi uYowabhi, Ehleli nje uYehova, ukuba bekungathelekiswanga nguwe, inene, ngebenyuswe bemka kwangokuya kwakusasa abantu, elowo akamsukela umzalwana wakhe.
-
28
|2 Samuel 2:28|
UYowabhi wavuthela isigodlo; bema bonke abantu, ababa sawasukela amaSirayeli, ababa saphinda balwe.
-
29
|2 Samuel 2:29|
UAbhinere namadoda akhe bahamba eArabha bonke obo busuku. Bayiwela iYordan, bayihamba yonke iBhitron, beza eMahanayim.
-
30
|2 Samuel 2:30|
Wabuya ke uYowabhi ekumsukeleni uAbhinere; wabahlanganisa abantu bonke, kwasweleka kubakhonzi bakaDavide ishumi elinesithoba lamadoda, noAsaheli.
-
31
|2 Samuel 2:31|
Ke abakhonzi bakaDavide babebulele, kumaBhenjamin nakuma doda akwa-Abhinere, amakhulu amathathu anamanci amathandathu amadoda, afa.
-
32
|2 Samuel 2:32|
Bamthabatha uAsaheli, bamngcwaba engcwabeni likayise eliseBhetelehem. Bahamba ke ubusuku bonke uYowabhi namadoda akhe, kwasa beseHebron.
-
1
|2 Samuel 3:1|
Ke kaloku yoluka imfazwe phakathi kwendlu kaSawule nendlu kaDavide. UDavide waya esomelela ngokomelela; indlu kaSawule yaya incipha ngokuncipha.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19