-
-
Xhosa
-
-
2
|2 Samuel 3:2|
UDavide wazalelwa oonyana eHebron: owamazibulo waba nguAmnon ngoAhinowam waseYizereli;
-
3
|2 Samuel 3:3|
owesibini wabanguKiliyabhi ngoAbhigali, umkaNabhali waseKarmele; owesithathu waba nguAbhisalom, unyana kaMahaka, intombi kaTalemayi, ukumkani waseGeshuri;
-
4
|2 Samuel 3:4|
owesine waba nguAdoniya, unyana kaHagiti; owesihlanu waba nguShefatiya, unyana ka-Abhitali;
-
5
|2 Samuel 3:5|
owesithandathu waba nguItram, ngoEgla, umkaDavide. Wabazalelwa abo uDavide eHebron.
-
6
|2 Samuel 3:6|
Kwathi, kwakubonÂ’ ukuba kukho imfazwe phakathi kwendlu kaSawule nendlu kaDavide, uAbhinere wamana ukuzomelezela indlu kaSawule.
-
7
|2 Samuel 3:7|
Ke uSawule ebeneshweshwe eligama linguRitspa, intombi ka-Aya; wathi ke uIshbhoshete kuAbhinere, Yini na ukuba ulingene ishweshwe likabawo?
-
8
|2 Samuel 3:8|
Wavutha kakhulu ngumsindo uAbhinere ngamazwi kaIshbhoshete, wathi, Ndiyintloko yenja elunge kwaYuda yini na? Namhla ndiyenzela inceba indlu kaSawule uyihlo, kubazalwana bakhe, nakubahlobo bakhe; andikuyekelanga esandleni sikaDavide; kanti ke undivelele ngobugwenxa endibenze kule nkazana namhla.
-
9
|2 Samuel 3:9|
UThixo makenjenje kuAbhinere, aqokele ukwenjenje; njengoko uYehova wamfungelayo uDavide, ndiya kwenjenjalo kuye:
-
10
|2 Samuel 3:10|
ukubugqithisa ubukumkani endlwini kaSawule, kumiswe itrone kaDavide kwaSirayeli nakwaYuda, kuthabathele kwaDan kuse eBher-shebha.
-
11
|2 Samuel 3:11|
Akaba saba nako ukumphendula nezwi uAbhinere ngokumoyika.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7