-
-
Xhosa
-
-
22
|2 Samuel 3:22|
Kwabonakala abakhonzi bakaDavide benoYowabhi, bevela emsebenzini wokututa, besiza namaxhoba amaninzi. Ke uAbhinere ebengasekhona kuDavide eHebron, ngokuba ubemndulule, wahamba exolile.
-
23
|2 Samuel 3:23|
Bafika ooYowabhi nomkhosi wonke anawo. Kwaxelwa kuYowabhi, kwathiwa, UAbhinere unyana kaNere ubezile kukumkani, wamndulula, wahamba exolile.
-
24
|2 Samuel 3:24|
Waya uYowabhi kukumkani, wathi, Yintoni na le uyenzileyo? Uyabona, ubezile uAbhinere kuwe; yintoni na le nto umndululeyo, wahamba wemka?
-
25
|2 Samuel 3:25|
Uyamazi uAbhinere unyana kaNere, ukuba ubeze kukuthomalalisa, ukuze akwazi ukuphuma kwakho nokungena kwakho, akwazi konke okwenzayo.
-
26
|2 Samuel 3:26|
Waphuma uYowabhi kuDavide, wathuma abathunywa; balandela uAbhinere, bambuyisa equleni laseSira, uDavide engazi.
-
27
|2 Samuel 3:27|
Wabuya ke uAbhinere weza eHebron. UYowabhi wamthabathela bucala phakathi kwesango, ukuba athethe naye ngasese. Wamgwaza esiswini, wafa, ngenxa yegazi lika-Asaheli umninawa wakhe.
-
28
|2 Samuel 3:28|
Weva uDavide emveni kokuba kunjalo, wathi, Ndimsulwa nobukumkani bam phambi koYehova, kude kuse ephakadeni, ngamagazi ka-Abhinere unyana kaNere;
-
29
|2 Samuel 3:29|
makabe phezu kwentloko kaYowabhi, naphezu kwendlu yonke kayise; makanganqunyulwa angabikho endlwini kaYowabhi umntu obhobhozayo, oneqhenqa, osimelela ngentonga, owa ngekrele, oswele ukudla.
-
30
|2 Samuel 3:30|
UYowabhi noAbhishayi umninawa wakhe bambulala ke uAbhinere, ngenxa enokuba ebembulele uAsaheli umninawa wabo eGibheyon emfazweni.
-
31
|2 Samuel 3:31|
Wathi uDavide kuYowabhi nakubantu bonke anabo, Krazulani iingubo zenu, nibhinqe ezirhwexayo, nimmbambazelele uAbhinere. UDavide ukumkani walilandela ithala.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7