-
-
Xhosa
-
-
3
|2 Samuel 4:3|
abaseBheroti babebalekele eGitayim, baba ngabaphambukeli khona unanamhla.
-
4
|2 Samuel 4:4|
Ke kaloku uYonatan unyana kaSawule ubenonyana ofe iinyawo; ebeminyaka mihlanu ezelwe, ukufika kodaba lukaSawule noYonatan eYizereli. Umondlikazi wakhe wesuka wamthabatha, wabaleka; kwathi, ekubalekeni kwakhe buphuthuphuthu, wawa, waba sisiqhwala. Igama lakhe belinguMefibhoshete.
-
5
|2 Samuel 4:5|
Bahamba oonyana bakaRimon waseBheroti, ooRekabhi noBhahana, ekufudumaleni kwemini, bafika endlwini kaIshbhoshete, elele emini enkulu.
-
6
|2 Samuel 4:6|
Bona bangena endlwini phakathi, ngokungathi baza kuthabatha ingqolowa, basuka bamtsho esiswini; basaba uRekabhi noBhahana umzalwana wakhe.
-
7
|2 Samuel 4:7|
Bangena ke endlwini, elele esingqengqelweni sakhe egumbini lakhe lokulala; bamhlaba, bambulala, bamnqumla intloko, bayithabatha intloko yakhe, bahamba ngendlela yeArabha bonke ubusuku.
-
8
|2 Samuel 4:8|
Bayisa intloko kaIshbhoshete kuDavide eHebron, bathi kukumkani, Nantsi intloko kaIshbhoshete unyana kaSawule, utshaba lwakho, elube lufuna umphefumlo wakho; uYehova uyiphindezelele inkosi yam namhla kuSawule, nakwimbewu yakhe.
-
9
|2 Samuel 4:9|
UDavide wabaphendula ooRekabhi noBhahana umzalwana wakhe, oonyana bakaRimon waseBheroti, wathi kubo, Ehleli nje uYehova, owukhululeyo umphefumlo wam ekubandezelekeni konke,
-
10
|2 Samuel 4:10|
ndathi, owandixelelayo ukuthi, Nanku uSawule efile, eba uzisa iindaba ezilungileyo, ndambamba, ndambulala eTsikelage, ukumnika umvuzo weendaba zakhe.
-
11
|2 Samuel 4:11|
Asikokukhona na ndiya kulibiza igazi layo esandleni senu, ndinitshayele elizweni, xa amadoda angendawo abulele indoda elilungisa endlwini yayo, esililini sayo?
-
12
|2 Samuel 4:12|
UDavide wawawisela amadodana akwakhe umthetho. Ababulala, abanqumla izandla neenyawo, azixhoma echibini eHebron; ke intloko kaIshbhoshete ayithabatha, ayingcwaba engcwabeni lika-Abhinere eHebron.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7