-
-
Xhosa
-
-
21
|2 Samuel 5:21|
Azishiya izithixo zawo; bazithabatha uDavide namadoda akhe.
-
22
|2 Samuel 5:22|
Abuya aphinda enyuka amaFilisti, athi dwe entilini yamaRafa.
-
23
|2 Samuel 5:23|
Wabuza uDavide kuYehova, wathi yena, Uze ungenyuki; jikela emva kwawo, ufike kuwo malunga nemithi yemibhaka.
-
24
|2 Samuel 5:24|
Kothi, ekuveni kwakho isandi sokuhamba emantloko emithi yemibhaka, wandule ungxamise; ngokuba woba uphumile phambi kwakho uYehova ngelaxesha, ukuba ayixabele impi yamaFilisti.
-
25
|2 Samuel 5:25|
Wenjenjalo uDavide, njengoko uYehova abemwisele umthetho ngako; wawaxabela amaFilisti, wathabathela eGebha wada waya eGezere.
-
1
|2 Samuel 6:1|
Ke kaloku wabuya wabahlanganisa uDavide bonke abahleliweyo bakwaSirayeli: amashumi amathathu amawaka.
-
2
|2 Samuel 6:2|
Wesuka ke, wahamba uDavide nabantu bonke abenabo, esiya eBhahali yakwaYuda, esiya kunyusa khona ityeya kaThixo, ebizwa ngalo igama, igama likaYehova wemikhosi ohleli phezu kweekerubhi.
-
3
|2 Samuel 6:3|
Bayikhwelisa enqwelweni entsha ityeya kaThixo, bayithabatha endlwini ka-Abhinadabhi ebisendulini; u-Uza nonoAhiyo, oonyana baka-Abhinadabhi, beyiqhuba inqwelo entsha leyo.
-
4
|2 Samuel 6:4|
Bayithabatha endlwini ka-Abhinadabhi esendulini, inetyeya kaThixo, uAhiyo ehamba phambi kwetyeya.
-
5
|2 Samuel 6:5|
UDavide nendlu yonke kaSirayeli baqamba phambi koYehova, bebetha imithi yonke yesipres, neehadi, nemirhubhe, neengqongqo, namakhenkcekhenkce, namacangci.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19