-
-
Xhosa
-
-
11
|2 Samuel 5:11|
Ke kaloku uHiram, ukumkani waseTire, wathumela abathunywa kuDavide, nemisedare, neengcibi zemithi, neengcibi zamatye eendonga; zamakhela uDavide indlu.
-
12
|2 Samuel 5:12|
Wazi uDavide ukuba uYehova umqinisile wangukumkani; ukuba ubuphakamisile ubukumkani bakhe ngenxa yabantu bakhe amaSirayeli.
-
13
|2 Samuel 5:13|
UDavide wabuya wazeka abafazi namashweshwe eYerusalem, emveni kokusuka kwakhe eHebron; wabuya wazalelwa oonyana neentombi uDavide.
-
14
|2 Samuel 5:14|
Ngawo la amagama abo wabazalelwayo eYerusalem: nguShamuwa, noShobhabhi, noNatan, noSolomon,
-
15
|2 Samuel 5:15|
noIbhehare, noElishuwa, noNefege, noYafiya,
-
16
|2 Samuel 5:16|
noElishama, noEliyada, noElifelete.
-
17
|2 Samuel 5:17|
Ke kaloku eva amaFilisti ukuba bamthambisile uDavide, waba ngukumkani kumaSirayeli: enyuka ke onke amaFilisti aya kumfuna uDavide. Weva uDavide, wehla waya emboniselweni.
-
18
|2 Samuel 5:18|
AmaFilisti abezile, athi dwe entilini yamaRafa.
-
19
|2 Samuel 5:19|
Wabuza uDavide kuYehova, wathi, Ndinyuke na, ndiye kumaFilisti? Wowanikela na esandleni sam? Wathi uYehova kuDavide, Nyuka; ngokuba ndiwanikele mpela amaFilisti esandleni sakho.
-
20
|2 Samuel 5:20|
UDavide weza eBhahali-peratsim; uDavide wawaxabela khona, wathi, UYehova uzityhobozele iintshaba zam phambi kwam, njengokutyhoboza kwamanzi; ngenxa yoko wathi igama laloo ndawo yiBhahali-peratsim.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7