-
-
Xhosa
-
-
1
|2 Samuel 5:1|
Zeza zonke izizwe zakwaSirayeli kuDavide eHebron, zatsho ukuthi, Uyabona, silithambo lakho nenyama yakho.
-
2
|2 Samuel 5:2|
Kwangaphambili, oko uSawule ebengukumkani kuthi, ibinguwe obesakuphuma ungena namaSirayeli. UYehova wathi kuwe, Wena uya kubalusa abantu bam amaSirayeli, wena uya kuba yinganga yamaSirayeli.
-
3
|2 Samuel 5:3|
Aya ke onke amadoda amakhulu akwaSirayeli kukumkani eHebron. Wenza umnqophiso nawo ukumkani uDavide eHebron phambi koYehova; amthambisa uDavide ukuba abe ngukumkani wamaSirayeli.
-
4
|2 Samuel 5:4|
UDavide ubeminyaka imashumi mathathu ezelwe, ukwenziwa kwakhe ukumkani; waba neminyaka emashumi mane engukumkani.
-
5
|2 Samuel 5:5|
Waba ngukumkani wakwaYuda eHebron iminyaka esixhenxe neenyanga ezintandathu; eYerusalem waba ngukumkani iminyaka emashumi mathathu anamithathu kumaSirayeli onke namaYuda.
-
6
|2 Samuel 5:6|
Ukumkani waya namadoda akwakhe eYerusalem kumaYebhusi. Abemi belo zwe bathi kuDavide, Akusayi kungena apha; kuba iimfama neziqhwala zokugxotha. Batsho beba uDavide akasayi kungena apho.
-
7
|2 Samuel 5:7|
UDavide wayithimba imboniselo yeZiyon: ngumzi kaDavide ke lowo.
-
8
|2 Samuel 5:8|
Wathi uDavide ngaloo mini, Bonke abaxabela amaYebhusi, mabaziwise engxangxasini iziqhwala kwaneemfama ezithiyekileyo emphefumlweni kaDavide. Ngenxa yoko bathi, Iimfama neziqhwala aziyi kungena endlwini.
-
9
|2 Samuel 5:9|
UDavide wahlala emboniselweni, wayibiza ngokuthi ngumzi kaDavide. UDavide wakha ngeenxa zonke, wathabathela eMilo wesa phakathi.
-
10
|2 Samuel 5:10|
Waya uDavide eba mkhulu ngokuba mkhulu, uYehova uThixo wemikhosi waba naye.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7