-
-
Xhosa
-
-
11
|2 Samuel 24:11|
Wavuka kusasa uDavide; ilizwi likaYehova lafika kuGadi umprofeti, imboni kaDavide, lisithi,
-
12
|2 Samuel 24:12|
Yiya uthethe kuDavide, uthi, Utsho uYehova ukuthi, Ndikumisela izinto ezintathu; zinyulele ibe nye kuzo, ndiyenze kuwe.
-
13
|2 Samuel 24:13|
Waya ke uGadi kuDavide, wamxelela, wathi kuye, Uzelwe sisixhenxe seminyaka yendlala ezweni lakho na? Usabe phambi kweentshaba zakho iinyanga zibe ntathu, zikusukela, kusini na? Kubekho indyikitya yokufa iimini ezintathu ezweni lakho, kusini na? Yazi ngoku, ulenze ilizwi endombuyisela lona ondithumileyo.
-
14
|2 Samuel 24:14|
Wathi uDavide kuGadi, Ndididekile kunene. Masesisiwa esandleni sikaYehova; ngokuba ininzi imfesane yakhe; mandingaweli esandleni somntu.
-
15
|2 Samuel 24:15|
UYehova wathoba ke indyikitya yokufa kwaSirayeli, yathabathela ekuseni yesa kwixa lentlanganiso; kwafa ebantwini, bethabathela kwaDan bese eBher-shebha, amashumi asixhenxe amawaka amadoda.
-
16
|2 Samuel 24:16|
Saza isithunywa sesa isandla saso kwiYerusalem, ukuba siyitshabalalise; wazohlwaya uYehova ngenxa yobubi obo, wathi kwisithunywa eso sitshabalalisa abantu, Kwanele; sithobe kaloku isandla sakho. Ke kaloku isithunywa sikaYehova besisesandeni sika-Aravena umYebhusi.
-
17
|2 Samuel 24:17|
Wathetha uDavide kuYehova akusibona isithunywa eso sibetha ebantwini, wathi, Uyabona, ndonile mna, ndenze ngobugwenxa mna; umhlambi lo wona wenze ntoni na? Isandla sakho masibe phezu kwam nendlu kabawo.
-
18
|2 Samuel 24:18|
Waya ke uGadi kuDavide ngaloo mini, wathi kuye, Nyuka, uye ummisele uYehova isibingelelo esandeni sika-Aravena umYebhusi.
-
19
|2 Samuel 24:19|
Wenyuka uDavide ngokwelizwi likaGadi, njengoko uYehova abemwisele umthetho ngako.
-
20
|2 Samuel 24:20|
Walunguza uAravena, wambona ukumkani nabakhonzi bakhe besiza kuye. Waphuma uAravena, waqubuda kukumkani ngobuso emhlabeni.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7