-
-
Xhosa
-
-
14
|2 Samuel 2:14|
Wathi uAbhinere kuYowabhi, Amadodana makakhe asuke adlale phambi kwethu. Wathi uYowabhi, Makasuke.
-
15
|2 Samuel 2:15|
Kwesuka kwawela amanani: ishumi elinamabini lakwaBhenjamin, lakwaIshbhoshete unyana kaSawule, neshumi elinamabini kubakhonzi bakaDavide.
-
16
|2 Samuel 2:16|
Yaba ngulowo wabamba ummelwane wakhe ngentloko, nekrele lakhe lela ecaleni lowabo; bawa kunye ndaweni-nye. Kwathiwa ke le ndawo yiHelekati-hatsurim eseGibheyon.
-
17
|2 Samuel 2:17|
Kwaliwa kakhulu ngaloo mini. Wagxothwa uAbhinere namadoda akwaSirayeli phambi kwabakhonzi bakaDavide.
-
18
|2 Samuel 2:18|
Babelapho bobathathu oonyana bakaTseruya: uYowabhi, noAbhishayi, noAsaheli. Ke uAsaheli waye enamendu, enjengebhadi lasendle.
-
19
|2 Samuel 2:19|
UAsaheli wamsukela uAbhinere; akathi gu bucala aye ngasekunene nangasekhohlo emva koAbhinere.
-
20
|2 Samuel 2:20|
Wabheka uAbhinere, wathi, UnguAsaheli na? Wathi yena, Ndinguye.
-
21
|2 Samuel 2:21|
Wathi uAbhinere kuye, Tyekela ngasekunene kwakho, nokuba kungasekhohlo kwakho, ubambe enye kumadodana, uzithabathele isikrweqe sayo.
-
22
|2 Samuel 2:22|
Ke uAsaheli akavuma ukutyeka ekumlandeleni. Wabuya waphinda wathi uAbhinere kuAsaheli, Tyeka ekundilandeleni; yini na ukuba ndide ndikubethe, uwe emhlabeni? Ndothini na ukubuphakamisa ubuso bam kuYowabhi, umkhuluwa wakho? Akavuma ukutyeka.
-
23
|2 Samuel 2:23|
UAbhinere wamtsho ngoluthi lwentshuntshe esiswini; yaya kuphuma intshuntshe ngasemva. Wawa khona, wafela kuloo ndawo. Bathi bonke abafika kuloo ndawo wawa wafela kuyo uAsaheli, bee nqumama.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10