-
-
Xhosa
-
-
21
|2 Samuel 1:21|
Nina zintaba zaseGilibhowa, Makungaze kubekho mbethe, makungaze kubekho mvula kuni, namasimi emirhumo; Ngokuba khona kwangcola iingweletshetshe zamagorha, Ingweletshetshe kaSawule, wanga waye engathanjiswanga ngeoli.
-
22
|2 Samuel 1:22|
Egazini labahlatyiweyo, emanqatheni amagorha, Isaphetha sikaYonatan besingabuyi umva, Ikrele likaSawule belingabuyi lilambatha.
-
23
|2 Samuel 1:23|
USawule noYonatan babeziinzwana, bethandeka ekudleni kwabo ubomi, Nasekufeni kwabo abahlukananga. Babenamendu ngaphezu kwamaxhalanga, Babenamandla ngaphezu kweengonyama.
-
24
|2 Samuel 1:24|
Zintombi zakwaSirayeli, mlileleni uSawule, Obenambesa iingubo ezibomvu, eniyolisa; Obeninxiba izihombo zegolide ezambathweni zenu.
-
25
|2 Samuel 1:25|
Hayi, ukuwa kwamagorha phakathi kwemfazwe! UYonatan ubulawelwe emimangweni yakho
-
26
|2 Samuel 1:26|
Ndibandezelekile ngenxa yakho, mzalwana wam Yonatan; Ubumnandi kakhulu kum; Kubalukekile ukundithanda kwakho Ngaphezu kokuthanda komntu oyinkazana.
-
27
|2 Samuel 1:27|
Hayi, ukuwa kwamagorha! Adakile amadoda okulwa!
-
1
|2 Samuel 2:1|
Kwathi emveni koko, wabuza uDavide kuYehova, esithi, Ndinyuke na ndiye emzini wakwaYuda? Wathi uYehova kuye, Nyuka. Wathi uDavide, Ndinyuke ndiye phi na? Wathi yena, EHebron.
-
2
|2 Samuel 2:2|
Wenyuka ke waya khona uDavide, nabafazi bakhe bobabini, uAhinowam waseYizereli, noAbhigali, umkaNabhali, waseKarmele.
-
3
|2 Samuel 2:3|
Namadoda akhe abenawo wawanyusa uDavide, yayileyo nendlu yayo, ahlala emizini yaseHebron.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7