-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Génesis 18:11|
Ke kaloku uAbraham noSara babesebaluphele, sebekhulile; kusekunqamkile kuSara okwendlela yabafazi.
-
12
|Génesis 18:12|
USara wahleka ngaphakathi kwakhe, esithi, Emveni kokuba ndihagele, ndisaya kuyolelwa na, nenkosi yam yaluphele nje?
-
13
|Génesis 18:13|
Wathi uYehova kuAbraham, Yini na ukuba uSara ahleke, esithi, Kuhleliwe nje ndiya kuzala na ndaluphele nje mna?
-
14
|Génesis 18:14|
Kukho nto ingamnqabelayo na uYehova? Ngexesha elimisiweyo ndiya kubuyela kuwe, lakubuya eli xesha, uSara abe nonyana.
-
15
|Génesis 18:15|
Wakhanyela uSara, esithi, Andihlekanga; kuba ebesoyika. Wathi yena, Hayi, uhlekile.
-
16
|Génesis 18:16|
Asuka ke amadoda lawo ondela eSodom; uAbraham ehamba nawo, ewaphelekelela.
-
17
|Génesis 18:17|
Wathi uYehova, Ndomfihlela na uAbraham into endiza kuyenza?
-
18
|Génesis 18:18|
Kanti uAbraham uya kuthi abe luhlanga olukhulu, olunamandla, zisikeleleke ngaye iintlanga zonke zehlabathi.
-
19
|Génesis 18:19|
Kuba ndaze yena, ukuze abawisele umthetho abantwana bakhe, nendlu yakhe emva kwakhe, bagcine indlela kaYehova, benze ubulungisa nokusesikweni, ukuze uYehova amenzele uAbraham into ayithethileyo kuye.
-
20
|Génesis 18:20|
Wathi uYehova, Isikhalo saseSodom neGomora sisikhulu nje, nesono sayo sinzima kunene nje,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Reyes 6-8