-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Génesis 18:21|
ndiya kukha ndihle, ndikhangele ukuba baphelelisile na ngokwesikhalo sayo esifikileyo kum; ukuba akunjalo, ndazi.
-
22
|Génesis 18:22|
Ajika apho amadoda lawo, asinga eSodom; ke yena uAbraham wayesemi phambi koYehova.
-
23
|Génesis 18:23|
Wasondela uAbraham, wathi, Ungade ubhebhethe olilungisa kunye nongendawo yini na?
-
24
|Génesis 18:24|
Hi, kwakho amashumi amahlanu amalungisa phakathi komzi; ungade uyibhebhethe, ungayixoleli, loo ndawo yini na, ngenxa yamalungisa amashumi mahlanu akuyo?
-
25
|Génesis 18:25|
Makube lee kuwe ukwenza ngokwendawo enjalo ukubulala olilungisa kunye nongendawo, ilungisa libe njengongendawo; makube lee kuwe. Umgwebi wehlabathi lonke akayi kwenza okusesikweni yini na?
-
26
|Génesis 18:26|
Wathi uYehova, Ukuba ndithe ndafumana eSodom amalungisa amashumi mahlanu phakathi komzi, ndoyixolela yonke loo ndawo ngenxa yawo.
-
27
|Génesis 18:27|
Waphendula uAbraham, wathi, Khawubone, sendide ndathetha eNkosini, ndiluthuli nothuthu.
-
28
|Génesis 18:28|
Hi ke, kwasweleka isihlanu kumalungisa amashumi mahlanu, wowonakalisa ngenxa yesihlanu yini na wonke umzi? Yathi, Andiyi kuwonakalisa, ukuba ndithe ndafumana khona amashumi omane anesihlanu.
-
29
|Génesis 18:29|
Waphinda kanjalo wathetha kuye, wathi, Hi ke, kwafunyanwa khona amashumi omane? Yathi, Andiyi kukwenza ngenxa yamashumi omane.
-
30
|Génesis 18:30|
Wathi, Mayingabi namsindo iNkosi, khe ndithethe. Hi ke, kwafunyanwa khona amashumi omathathu? Yathi, Andiyi kukwenza, ukuba ndithe ndafumana khona amashumi omathathu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21