-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Génesis 24:21|
Indoda leyo yee nqa yiyo, ithe cwaka, ukuze yazi ukuba uYehova uyiphumelelisile indlela yayo, akayiphumelelisanga, kusini na.
-
22
|Génesis 24:22|
Kwathi, iinkamela zigqibile ukusela, indoda leyo yathabatha ijikazi lempumlo legolide, elisisiqingatha seshekele ubunzima balo, nezacholo zozibini zokufakwa ezandleni, eziziishekele ezilishumi zegolide ubunzima bazo; yathi, Uyintombi kabani na wena?
-
23
|Génesis 24:23|
Khawundixelele; kukho ndawo na yokulala endlwini kayihlo?
-
24
|Génesis 24:24|
Yathi kuye, Ndiyintombi kaBhetuweli, unyana kaMika, awamzalela uNahore.
-
25
|Génesis 24:25|
Yathi kuye, Sinawo umququ kwaneendiza ezaneleyo, nendawo yokulala.
-
26
|Génesis 24:26|
Yathoba indoda leyo, yaqubuda kuYehova.
-
27
|Génesis 24:27|
Yathi, Makabongwe uYehova, uThixo wenkosi yam uAbraham, ongayiyekelelanga inceba yakhe nenyaniso yakhe, imke enkosini yam: uthe ndisendleleni, uYehova wandikhokelela endlwini yabazalwana benkosi yam.
-
28
|Génesis 24:28|
Yakhawuleza intombi leyo, yaxelela indlu kanina ngokwala mazwi.
-
29
|Génesis 24:29|
URebheka waye enomnakwabo, ogama linguLabhan waya endodeni leyo ngaphandle emthonjeni.
-
30
|Génesis 24:30|
Ke kwathi, akulibona ijikazi lempumlo, nezacholo ezandleni zodade wabo, wathi, akuweva amazwi kaRebheka udade wabo, esithi, Yenjenje indoda le ukuthetha kum: waya kuyo indoda, nantso imi ngasezinkameleni ngasemthonjeni.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7