-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
51
|Génesis 24:51|
Nanko uRebheka phambi kwakho. Mthabathe, uhambe, abe ngumfazi wonyana wenkosi yakho, njengoko akuthethileyo uYehova.
-
52
|Génesis 24:52|
Kwathi, akuweva umkhonzi ka-Abraham amazwi abo, waqubuda emhlabeni kuYehova.
-
53
|Génesis 24:53|
Umkhonzi wavelisa impahla yesilivere, nempahla yegolide, nezambatho, wanika uRebheka; wanika umnakwabo nonina izinto ezinconywayo.
-
54
|Génesis 24:54|
Badla, basela, yena namadoda abenaye, balala, bavuka kusasa, wathi, Ndindululeni ndiye enkosini yam.
-
55
|Génesis 24:55|
Wathi umnakwabo nonina, Makhe ihlale intombi nathi iintsuku nokuba zilishumi, ihambe ke emveni koko.
-
56
|Génesis 24:56|
Wathi kubo, Musani ukundibambezela; uYehova uyenze yanempumelelo indlela yam; ndindululeni ndiye enkosini yam.
-
57
|Génesis 24:57|
Bathi, Masiyibize intombi, sive ngomlomo wayo.
-
58
|Génesis 24:58|
Bambiza uRebheka, bathi kuye, Uya kuhamba na nale ndoda? Wathi, Ndohamba.
-
59
|Génesis 24:59|
Bamndulula ke uRebheka udade wabo, nomanyisikazi wakhe, nomkhonzi ka-Abraham, namadoda abenaye.
-
60
|Génesis 24:60|
Bamsikelela uRebheka, bathi kuye, Ungudade wethu; yiba ngamawaka-waka, imbewu yakho ilidle ilifa isango labo bayithiyayo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7