-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
41
|Génesis 24:41|
wandule ukuba msulwa esifungweni sam xa ufikileyo emizalwaneni yakowethu; ukuba abathanga bakunike, woba msulwa esifungweni sam.
-
42
|Génesis 24:42|
Ndifikile ke namhlanje emthonjeni, ndathi, Yehova, Thixo wenkosi yam uAbraham, ukuba kaloku uyenze yanempumelelo indlela yam endihamba ngayo,
-
43
|Génesis 24:43|
yabona, ndimi ngasemthonjeni wamanzi; ke intombi ephuma isiza kukha, ndithi kuyo, Khawundiphe ndisele intwana yamanzi emphandeni wakho;
-
44
|Génesis 24:44|
ithi kum, Sela wena, neenkamela zakho ndozikhelela nazo: mayibe yiyo engumfazi uYehova ammiseleyo unyana wenkosi yam.
-
45
|Génesis 24:45|
Ndingekagqibi mna ukuthetha entliziyweni yam, gqi uRebheka, esiza enomphanda egxalabeni lakhe, wehla waya emthonjeni, wakha; ndathi kuye, Khawundiphe ndisele.
-
46
|Génesis 24:46|
Wakhawuleza, wawuhlisa umphanda wakhe kuye, wathi, Sela, neenkamela zakho ndoziseza. Ndasela ke, waziseza neenkamela.
-
47
|Génesis 24:47|
Ndambuza ndathi, Uyintombi kabani na? Wathi, Ndiyintombi kaBhetuweli, unyana kaNahore, lowo wamzalelwa nguMilka. Ndamfaka ke ijikazi lempumlo ethatheni lakhe, nezacholo ezandleni zakhe.
-
48
|Génesis 24:48|
Ndathoba, ndamnqula uYehova, ndambonga uYehova, uThixo wenkosi yam uAbraham, ondikhokeleyo endleleni eyinyaniso, ukuba ndimzekele unyana wakhe intombi yomzalwana wenkosi yam.
-
49
|Génesis 24:49|
Ngoku ke, ukuba niyayenzela inceba nenyaniso inkosi yam, ndixeleleni; ukuba anenjenjalo, ndixeleleni; ukuze ndibheke ekunene, nokuba kusekhohlo.
-
50
|Génesis 24:50|
Waphendula uLabhan noBhetuweli, bathi, Le nto iphuma kuYehova; asinakuthetha nto kuwe, nokuba yembi nokuba yelungileyo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19