-
-
Xhosa
-
-
3
|Lucas 24:3|
Bakuba bengenile, abawufumananga umzimba weNkosi uYesu.
-
4
|Lucas 24:4|
Kwathi, ekukhohlweni kwabo yile nto, kwabonakala amadoda amabini, ebafikela, eneengubo ezibengezelayo.
-
5
|Lucas 24:5|
Ke kaloku, bakubonÂ’ ukuba bangenelwe kukoyika, beqondele emhlabeni, athi kubo, Yini na ukuba ophilileyo nimfune phakathi kwabafileyo?
-
6
|Lucas 24:6|
Akakho apha, uvukile; khumbulani ukuthetha kwakhe kuni, oko ebesekwelaseGalili,
-
7
|Lucas 24:7|
esithi, UNyana woMntu umelwe kukuthi anikelwe ezandleni zabantu abangaboni, abethelelwe emnqamlezweni, athi ngomhla wesithathu abuye avuke.
-
8
|Lucas 24:8|
Bawakhumbula ke amazwi akhe;
-
9
|Lucas 24:9|
bebuyile engcwabeni, bazibika zonke ezo zinto kwabalishumi elinamnye, nakubo bonke abanye.
-
10
|Lucas 24:10|
Baye ke bengooMariya waseMagadala, noYohana, noMariya kaYakobi, nabanye ababenabo, abazixelayo ezo zinto kubapostile.
-
11
|Lucas 24:11|
Amazwi abo abonakala emehlweni abo engathi kukulavuza; abakholwa ngabo.
-
12
|Lucas 24:12|
Esukile ke uPetros, wagidima waya engcwabeni; athi eqondele, azibone iilinen abesongelwe kuzo, zilele zodwa; wagoduka, emangalisiwe koko kuhlileyo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19