-
-
Xhosa
-
-
49
|Lucas 23:49|
Baye ke bonke abazana naye bemi kude, nabafazi ababelandelene naye, bevela kwelaseGalili, bezikhangela ezi zinto.
-
50
|Lucas 23:50|
Kwaye ke kukho indoda egama linguYosefu, engumphakathi, indoda elungileyo, elilungisa
-
51
|Lucas 23:51|
(yona yayingavumelananga necebo labo, nesenzo sabo), eyaseArimatiya, umzi wamaYuda, eyayibulindile nayo ubukumkani bukaThixo;
-
52
|Lucas 23:52|
eyathi yona yeza kuPilato, yawucela umzimba kaYesu.
-
53
|Lucas 23:53|
Yawuthula, yawusongela kwilinen entle; yawubeka engcwabeni elixholwe etyeni, ekungazanga kulale bani kulo.
-
54
|Lucas 23:54|
Loo mhla wawungowokulungiselela, nesabatha ibisondele.
-
55
|Lucas 23:55|
Ke kaloku nabafazi abalandelayo, abeza naye bephuma kwelaseGalili, balikhangela ingcwaba, nokubekwa komzimba wakhe.
-
56
|Lucas 23:56|
Babuya ke, balungisa ubulawu namafutha aqholiweyo. Bathi ngesabatha baphumla ngokomthetho.
-
1
|Lucas 24:1|
Ke kaloku, ngolokuqala usuku lweveki, ngesifingo sokusa, beza engcwabeni, bephethe ubulawu ababebulungisile, kukho nabanye abafazi nabo.
-
2
|Lucas 24:2|
Balifumana ke ilitye liqengqiwe, lesuka engcwabeni.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10