-
-
Xhosa
-
-
19
|Lucas 23:19|
owayethe, ngenxa yesaqunge esithile, esibe senziwe phakathi komzi, kwanokubulala, waphoswa entolongweni.
-
20
|Lucas 23:20|
Waphinda ngoko uPilato wathetha nabo, efuna ukumkhulula uYesu.
-
21
|Lucas 23:21|
Ke bona bamana benkqangaza, besithi, Bethelela emnqamlezweni; mbethelele emnqamlezweni.
-
22
|Lucas 23:22|
Uthe ke yena okwesithathu kubo, Kuba enze bubi buni na lo? Andifumananga tyala lakufa kuye; ndothi ngoko, ndakumbetha, ndimkhulule.
-
23
|Lucas 23:23|
Bamxina ke bona ngezandi ezikhulu zamazwi, becela ukuba abethelelwe emnqamlezweni; aza ke eyisa amazwi abo, nawababingeleli abakhulu.
-
24
|Lucas 23:24|
Usuke ke uPilato wagweba ngelithi, masenziwe isicelo sabo.
-
25
|Lucas 23:25|
Wabakhululela ke owayethe ngenxa yesaqunge nokubulala waphoswa entolongweni, lowo babecela yena; wamnikela ekuthandeni kwabo uYesu.
-
26
|Lucas 23:26|
Kuthe ke xa bamrholayo, babamba Simon uthile, waseKirene, obevela emaphandleni; bawubeka phezu kwakhe umnqamlezo, ukuba awuthwale emva koYesu.
-
27
|Lucas 23:27|
Wayelandelwa ke yinkitha eninzi yabantu, neyabafazi ababemmbambazelela, bemlilela.
-
28
|Lucas 23:28|
Wabaguqukela ke uYesu, wathi, Zintombi zaseYerusalem, musani ukundililela mna; kanye zilileleni nina, nabantwana benu;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10