-
-
Xhosa
-
-
60
|Lucas 22:60|
Uthe ke uPetros, Mntundini, andiyazi into oyithethayo. Kuthe kwangoko, esathetha, yalila inkuku.
-
61
|Lucas 22:61|
Yajika iNkosi, yondela kuPetros. Walikhumbula ke uPetros ilizwi leNkosi, njengoko ibithe kuye, Ingekalili inkuku, uya kundikhanyela kathathu.
-
62
|Lucas 22:62|
Waza uPetros, ephume phandle, walila ngokukrakra.
-
63
|Lucas 22:63|
Aye amadoda ambambileyo uYesu edlala ngaye, emtyakatya.
-
64
|Lucas 22:64|
Athe akuba emgqubuthele, ambetha ebusweni, ambuza esithi, Profeta; ngubani na lo ukubethileyo?
-
65
|Lucas 22:65|
Aye emthethela nezinye izinto ezininzi, enyelisa.
-
66
|Lucas 22:66|
Kuthe kwakusa, yahlanganisana intlanganiso yamadoda amakhulu abantu, nababingeleli abakhulu, kwanababhali, bamrholela entlanganisweni yabo yamatyala, besithi,
-
67
|Lucas 22:67|
Ukuba unguye uKristu wena, sixelele. Uthe ke yena kubo, Ukuba ndithe ndanixelela, anisayi kukholwa;
-
68
|Lucas 22:68|
nokuba ke ndithe ndanibuza, anisayi kundiphendula, anisayi kundikhulula.
-
69
|Lucas 22:69|
Ethabathela kweli xa, uNyana woMntu uya kuba ehleli ekunene kwamandla kaThixo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10