-
-
Xhosa
-
-
70
|Lucas 22:70|
Bathi ke bonke, Unguye na ke wena uNyana kaThixo? Uthe ke yena kubo, Nani nithi ndinguye.
-
71
|Lucas 22:71|
Bathi ke bona, Sisabufunelani na ubungqina, kuba thina ngokwethu sivile ngomlomo wakhe.
-
1
|Lucas 23:1|
Yesuka yonke inkitha yabo, yamrholela kuPilato.
-
2
|Lucas 23:2|
Baqala ke ukummangalela, besithi, Simfumene lo elulahlekisa uhlanga, engavumi ukuba kunikelwe irhafu kuKesare, esithi, unguKristu uKumkani yena ngokwakhe.
-
3
|Lucas 23:3|
UPilato wambuza ke, esithi, Unguye na uKumkani wamaYuda? Umphendule ke yena wathi, Nawe utsho.
-
4
|Lucas 23:4|
Uthe ke uPilato kubabingeleli abakhulu nakwizihlwele, Andifumani tyala kulo mntu.
-
5
|Lucas 23:5|
Kwaba kukhona ke bajokisayo, besithi, Uxhokonxa abantu, efundisa kulo lonke elakwaYuda, eqalele kwelaseGalili, wada wezisa apha.
-
6
|Lucas 23:6|
Ke kaloku uPilato, akuva elaseGalili, wabuza ukuba umntu lo ngowaseGalili na.
-
7
|Lucas 23:7|
Wathi, akuqonda ukuba ngowasebukhosini bukaHerode, wamthumela kuHerode, obe eseYerusalem naye ngaloo mihla.
-
8
|Lucas 23:8|
Ke kaloku uHerode, akumbona uYesu, wavuya kunene; kuba bekumzuzu ethanda ukumbona, ngenxa yokuba ebeve kuthethwa izinto ezininzi ngaye; kanjalo wayethembe ukubona umqondiso usenziwa nguye.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10