-
-
Xhosa
-
-
50
|Lucas 22:50|
Omnye kubo abo wamxabela umkhonzi wombingeleli omkhulu, wamnqamla indlebe yokunene.
-
51
|Lucas 22:51|
Waphendula ke uYesu wathi, Yekani, kwanele. Wayichukumisa indlebe yakhe, wamphilisa.
-
52
|Lucas 22:52|
Uthe ke uYesu kwabo babemfikele, ababingeleli abakhulu, nabaphathi betempile, namadoda amakhulu, Niphume ninamakrele neentonga na, nanga nize esihangeni?
-
53
|Lucas 22:53|
Bendinani imihla ngemihla etempileni, anolula zandla ngakum; kambe eli lilixa lenu, negunya lobumnyama.
-
54
|Lucas 22:54|
Bambambile ke, bamrhola, bamsa endlwini yombingeleli omkhulu; waye ke uPetros elandela ekude.
-
55
|Lucas 22:55|
Ke kaloku, bakubonÂ’ ukuba babase umlilo phakathi kwentendelezo, behleli phantsi ndawonye, uthe wahlala uPetros phakathi kwabo.
-
56
|Lucas 22:56|
Ke umkhonzazana othile umbonile ehleli ebandezini, wamjonga wathi, Nalo ube enaye.
-
57
|Lucas 22:57|
Wamkhanyela ke yena, esithi, Nkazanandini, andimazi.
-
58
|Lucas 22:58|
Kwakuba mzuzwana, omnye wambona wathi, Nawe ungowabo. Wathi ke uPetros, Mntundini, andinguye.
-
59
|Lucas 22:59|
Kwakuba kuhambe ilixa ngathi linye, omnye uqinisele wathi, Inyaniso, nalo ubenaye; kuba ukwangowaseGalili.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10